I-Prunes

Inkcazelo nge Mveliso

©Louise Brodie

I-Prunes, Prunus domestica, zintlobo ezahlukileyo zohlobo lwe Plum zase Europe. Igama le prune ngesiqhelo libhekisa kwi plums ezomisiweyo okanye iintlobo ze plums ezilungele ukomiswa. Iintlobo ze plum ezisetyenziselwa ukomiswa ziye zivelise iziqhamo ezincinci kwaye kulula ukuzomisa. I-Prunes ziveliswa kumazwe jikelele ukusuka kwintlobo ezingapha kwama 100 ezohlukileyo. Izivuno zentengiso ezaneleyo ziye zifumaneke kunyaka wesihlanu ukusuka kwixesha lokutyala. Kubalulekile ukulawula imveliso kuba ukuvumela lemithi ivelise iziqhamo ezininzi kunyaka omnye kuzakwenza imveliso encinci kwixesha lesivuno elilandelayo.

Ukuzilungisa okanye Ukuziphatha

I-Prunes kufuneka zikhiwe xasele zivuthwe kakhulu xa zizakomiswa, kulapho zifikelela khona kuxinzelelo lwe 3 okanye 4 pounds. Iswekile imnandi kakhulu phambi kokuba isiqhamo side sibe sivuthwe kakhulu, kwaye kulapho ziqala khona ukuwa. Kunzima ukuvuna zonke iziqhamo ngexesha elilungileyo. Xa ulawulo lwesivuno luqinile, iziqhamo ziba ngumlinganiselo olungileyo kwaye zingavuthwa ngexesha elinye. Kubalulekile ukuba nabavuni abaninzi, aboneleyo, nokuba usebenzisa abantu okanye oomatshini. Kubalulekile indawo yokomisa yanele kwaye ibekufuphi kwindawo yemveliso.

Imveliso ya Mazwe Jikelele

Elona lizwe livelisa kakhulu iprunes okwangoku yi USA, iprunes ezininzi ziveliswe eCarlifonia, nangona imveliso yase USA ihlile kwiminyaka embalwa edlulileyo. Amanye amazwe avelisa izivuno ze prune yi Chile, ivelisa malunga ne 100 000 ye toni ye prunes ezomisiweyo, France, ne Argentina. Ilizwe lase Mzantsi Afrika livelisa imveliso encinci.

Imveliso yase Mzantsi Afrika

©Louise Brodie

Uninzi lwe prunes zase Mzantsi Afrika ziveliswa kwiphondo lase Ntshona Koloni. Imveliso yase Mzantsi Afrika ayisafani nakuqala, ihle ngengxenye ezimbini, kwiminyaka engamashumi amane edlulileyo. Kodwa ke, ukhona umdla omtsha wokukhulisa lentengiso, ngenjongo yokuphuhlisa intengiso zase Afrika ezisa khasayo.

Imisebenzi

I-Prunes zisetyenziswa kwintlobo zokutya ezohlukileyo ukwenza incasa eswiti. Zilunge kakhulu ngokunikeza uvitamin K kwaye ziyasetyenziswa ukukhulula isisu esiqhiniweyo, kuba zine fibre ne Sorbitol.

Translated by Zikhona Plaatjie