Indlu Yangasese Yakwi-paki iSimangaliso Wetland Enomboniso

Intaba i-Tabor Hut

©Roger de la Harpe
Indlela zokuhamba iMziki ekwi Paki ese-Simangaliso Wetland ekuqaleni zazakhelwe ukuhlola nokubonisa umkhomba-ndlela zisakhiwa libutho lemfazwe elalibizwa i (U-boat-hunting Catalina), elalibekwe kulendawo ngexesha lemfazwe yomhlaba wesibini.
Into ababeyenza ngoko ukuzicoca iyaqashiselwa, kodwa namhlanje bahlamba ngokuma phantsi kwepheyile kwihlathi elisemva kwentaba, njengokuba indlu yangasese yona yayifumaneka kumgama nje omfutshane, ojonge ubukhulu bolwandle i-St Lucia. ‘Ukujonga’ ligama elifanelekileyo kuba inophahla lwesiqhelo neendonga zengcongolo kumacala amathathu, umboniso ophambi kwakho uphazanyiswa nje yimibono esengqondweni yakho.

Translated by Aviwe Damane