Indlela Yokwenza iCraft Beer

© Chris Daly

Abemi belizwe loMzantsi Afrika bayayithanda ibhiya esemgangathweni kwaye indumasi ye craft beer iya ikhula. Kuya kukhula neqela labadidiyeli be craft beer, kunye nabantu abazenzela ibhiya emakhayeni abo. Iibhiya zingohlulwa ngokwamaqela endlela ezenziwe ngayo kunye nezinto ezifana ne ncasa, umbala, ivumba, indlela eyiyo kunye nendawo eyenziwe kuyo.
Kukho iindidi ezingaphakwa kwe 100 ze bhiya:pale ales, wild/sour beers, stouts kunye ne pilsners ukubalula nje amagama ambalwa. Iindidi zamaqela ohlukileyo zivamise ukungena phantsi koluhlu lwe ales (nezinencasa eshoqololo) kunye nee lagers (nezinencasa ecwengileyo enendawo eqhwethayo).

Ezona Zinto Zidingekayi Ukwenza iCraft Beer

©Chris Daly
Ukuze udidiyele ibhiya uzakudinga amanzi, imalted barley, ihops kunye ne yeast.
iMalted barley isuka kwi barley grain kwaye ifumaneka ngoku hlalisa emanzini de ibengathi ziyantsula. Ungazenzela oku ngokwakho, okanye uthenge ibarley esele yenziwe oku. iMalted barley inoxanduva lokuvelisa iswekile edingekayo ukwenza switi ibhiya ze isebenzisane ne yeast ukwenza utywala.
Iihops ziintyantyambo ze sityalo seHumulus lupulus, nezithi xa zomisiwe zasetyenziswe ekudidiyeleni ibhiya, zifake incasa ekrakrayo, zinike ivumba kwaye zisebenza njenge preservative yendalo.
Igalelo lehops kwi bhiya lixhomekeka ukuba bezigalelwe nini ngethuba bekudidiyelwa. Xa zigalelwe kwasekuqaleni, zivelisa ibhiya enencasa ekrakra kakhulu logama xa igalelwe mva zivelisa incasa ewayiwayi engakrakri kangako. Iyeast yona yiyo ebutywala kwi bhiya.
Xa igalelwe, ijika iswekile ibebutywala kunye ne carbon dioxide. Le yeast ikongeza nencasa yokugqibela yebhiya kwaye ikwayiyo nefaka iincasa yeziqhamo kunye neyeziqholo.

Inyathelo Lokuqala Lokudidiyela: Ukulungisa Amanzi

©Chris Daly
Inyathelo lokuqala ekudidiyeleni kukulungisa amanzi, ukuze kugalelwe ezinye izinto zokwenza ibhiya. Oku kwenziwa ngokufudumeza amanzi axilongiweuo kwitanki lamanzi elinamaqondo obushushu angama 80°C in a hot water tank. Emva kokuba lamanzi efudumele kufanele axutywe kunye ne malted barley. Oku kuvamise ukwenziwa kwigqongo elibizwa nge mash tun. Iqondo lobushushu lamanzi kufuneka lehliswe libekuma 65°C kwi mash tun ngaphambi kokuba kugalelwe imalted barley.

Inyathelo Lesibini Lokudidiyela: iMashing ye Grains

©Chris Daly
Kwi mash tun, imalted barley igalelwa emanzini ashushu kangange yure ukuze kuphume iiswekile kwezi grain. Oku ke kwaziwa njenge mashing. Ezi swekile ziphumileyo ke, zibaluleke kakhulu ngoba zizakujika zibebutywala ethubeni. Ezi swekile zikwafaka nencasa, ivumba kunye nombala kwibhiya kwakunye nencasa. Yiyo lonto ke ibhiya eziswiti kunezinye zivamise ukuchazwa njengezi “malty”.

Inyathelo Lesithathu Lokudidiyela: Sparging iWort

Emva kokuba i malted barley imashed, ingaba sparged. Oku kukwaziwa njenge lautering, nalapho iswekile zicatshulwayo ze zohlukaniswe nee grains. iSparging ivamise ukwenziwa kwigongqo elibizwa nge ‘lauter tun’ kodwa ingenzelwa kwigongqo ekwenzelwa kwakulo ne mashing. Xa sele zipuliwe iigrains nayo yonke iswekile ithatyathiwe zingalahlwa into esalayo ke ngamanzi ashushu abizwa nge wort (ibizwa nge “wert”). Le wort izakuhamba ijike ibeyi bhiya ize ikhutshelelwe kwelinye itanki ukuze igqityezelwe ukudidiyelwa.

Inyathelo Lesine Lokudidiyela: Ukubilisa iWort

©Chris Daly
Xa sele iwort ihluziwe kwi barley grains ezi malted kudingeka ukuba ibiliswe ukuze kuzinziswe incasa kubulalwe kwa microorganisms zinokuthi zibekhona. Oku kwenziwa kangangesithuba seyure. Kukwa kwesisigaba ke apho iihops zigalelwa kwi bhiya. Ixesha ihops ezigalelwe ngazo ngethuba kudidiyelwa kunegalelo kwincasa yokugqibela yebhiya. Kwaye umdidiyelo usebenzisa oku ukucokisa incasa ye bhiya ibeluhlobo aluthandayo. Iihops zigalelwa kwelinyathelo kuba kufuneka zibiliswe ukuze kuphume iincasa zazo.

Inyathelo Lesihlanu Lokudidiyela: Ukugalela iYeast

©Chris Daly
Xa iwort sele ibile malunga neyure iyakhawuleziswa ukupholiswa ukuze kugalelwe iyeast ebhiyeni ngokukhuselekileyo ngaphandle kokuba ibulawe liqondo eliphezulu lobushushu.
Xa sele ibyiya ifike kumaqondo amalunga nama 22°C kuye kugalelwe iyeast. Oku ke kwaziwa njenge pitching.
Umdidiyeli kufuneka aqaphele ngamandle kwaye acoceke kweli inyathelo ngoba kwanto zinokugxoba ezifana ne ntsholongwane kunye neemicroorganisms azinakubulawa ngamaqondo ashushu xa sele kukwesi isigaba.
Emveni kokuba kugalelwe iyeast ibhiya ikulungele ukuvundiswa.

Inyathelo Lesithandathu Lokudidiyela: Ukuvundisa

©Chris Daly
Ukuvundiswa kulapho ibhiya ibayi bhiya ngokwenene. Logama ibhiya ishiywe ukuba ivunde, iyeast itya iswekile ukuze ivelise ubutywala kunye ne carbon dioxide. Emva kweveki izakube sele igqibile ukuvunda kwaye nebhiya ibe sele ikulungele ukukhutshelelwa kwelinye itanki, ukuze ilungiselelwe ukwenza ibhiya enombala ogqamileyo. Kwiveki elandelayo ibhiya ilungiswa ukuze izinze incasa nevumba layo kwakunye nombala olungileyo. Konke oku kwenzelwa ukuvelisa ibhiya egqibeleleyo ncakasane.

Inyathelo Lesixhenkxe Lokudidiyela Ibhiya: Icarbonation ye Bhiya

©Chris Daly
Xa sele ikwelinqanaba, ibhiya sele ikulungele ukuba ingaselwa. Okushotayo nje lugwebu namaqambu amancinci owabona kwigilasi yakho. Ukuze kwenzeke oku ke, kudingeka into ebizwa nge carbonation. Icarbonation isenokwenziwa ngokufaka ngqo icarbon dioxide ebhiyeni okanye ngokugalela intwana yeswekile ezibhotileni nezizakusebenzisana nentsalela ze yeast ukuvelisa icarbon dioxide.

Inyathelo Lokugqibela Lokudidiyela: Ukuyilungisa

©Chris Daly
Inyathelo lokuqala ekudidiyeleni ibhiya kukugalela ibhiya egqityiweyo kwii toti nasezibhotileni. Ilungiselelwe ukuthuthwa, ithengiswe ze yonwatyelwe ngabaseli bebhiya kwindawo zonke abakuzo.

Translated by Zizipho Silwana