Indlela yoku Danisa eyaziwa njenge “Madiba Shuffle”

© Dr Peter Magubane
Owona mdaniso kaMandela wawuvuyisa abantu: uMandela udanisela umculo ka Thandi Klassen kumsitho wokuzalwa kwakhe egqiba iminyaka engamashumi asixhenxe anesibini owawu banjelwe eKippies ,eRhawutini.
Ngonyaka ka 1990, uNelson Mandela wabhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa lokugqiba iminyaka engamashumi asixhenxe anesibini. Olu yayilusuku lokuqala ukubhiyozela ukuzalwa emveni koku khululwa kwakhe entolongweni. Yayi ngumsitho okhethekileyo, uMadiba wawubhiyozela kwindawo ngendawo kuquka nombhiyozo kwikhaya lakhe eSoweto nase Kippies eGoli. Apha uMandela Wonwabela usuku lwakhe nabahlobo nabantu asebenza nabo. Kweli theko uMadiba wadanisa kwingoma ka Thandi Klaasen, imvumi yomculo we Jazz esuka eSophiatown, uMandela owonwabileyo wenza umdaniso odumileyo owaziwa ngokuba yi “ Mandela Shuffle/ Madiba Jaive” – umdaniso apho kuphakamiswe amaqindi omabini, phakamisa izandla zombini, ushukumise umzimba kancinci, nokugoba goba amadolo.

"Akukho ntshisakalo ifumanekayo ekudlaleni kancinci- Ekuncameleni kubomi obu ngaphantsi kobu unoku buphila.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more