Indawo Yenkcubeko e-Mapungubwe

Inqaba Yentaba Ephawulekayo

©Roger de la Harpe

Lenqaba yentaba ephawulekayo, yomelezwe ngobugcisa bodongo lwelitye elomileyo. i-Mapubungwe ikhule yabangowona mbuso obalulekileyo pha kwindibano yemilambo yase Limpopo kunye ne-Shashe (apho uMzantsi Afrika, i-Botswana kunye ne-Zimbabwe zidibana khona) ukusuka pha kunyaka ka 1220 ukuya kunyaka ka 1290, kodwa yafunyanwa pha ekupheleni kweminyaka ye-1930’s.

Igolide yobuciko yagrunjwa e-Mapubungwe, ukwenzela ingxenye yelizwe, kwaye ngoku ibonwa njenge lifa lase-Mzantsi Afrika lexesha langaphambili labantu beentsimbi.

I-Mapungubwe

©Roger de la Harpe

Nangona ubuciko begolide base-Mapungubwe obufana nomkhombe wegolide, isongo kunye nezitya, likumbonisa wapha kwi Univesithi yase Pitoli, ungatyelela iindawo ezininzi zezinto zakudala pha kwi-Paki yeLizwe i-Mapungubwe – ezoba yipasela yepaki i-Limpopo Shashe Transfronteir.

I-Unesco ibone lesayithi njenge yona ‘ebalaseleyo kwixabiso eliphezulu jikelele’. Enye yezinto ezinomtsalane yintaba yelitye lentlabathi, ebizwe emva kwayo, kwaye ibisisixeko esikhulu sorhwebo lwasebukhosini oluye lwakhula kwiminyaka eliwaka mandulo.

Indawo Yokutolika yase-Mapungubwe

©Roger de la Harpe

Ngexesha le World Architecture Festival e-Barcelona pha kwinyanga ye-Nkanga ngonyaka ka 2009, indawo yokutolika yase-Limpopo, eyakhiwe yi-nkampani yabakhi base-Rhawutini eyayibizwa i-Peter Rich, yabhengezwa njenge ‘sakhiwo selizwe sonyaka’. Ibikhangeleka njenge koloni enkulu yeziduli.

u-Gaudi ngeye wavuma ukuba ebeceliwe ukwakha isakhiwo sovisiswano phakathi kwe iPaki yelizwe i-Mapubungwe kunye nenkcubeko yamandulo yezorhwebo. Ngenxa yokuba ibihlanganisa igumbi lokugcina imali nezinto zexabiso. Ibingxondorha njenje ndonga zangaphandle, ukuze ikhuphe ithayile zobumbo olwenziwe ngabantu abangasebenziyo. Lena ibiyindlela yezakhiwo zemvelo ibingekabonwa kweli lethu ilizwe, ukusuka pha ngexesha lama-Dutch.

Translated by Aviwe Damane