Imveliso ye Persimmon

Imveliso ne Misebenzi

©Louise Brodie

Isiqhamo ipersimmon sityiwa sise krwada, kodwa zikhona indawo eziyimizi mveliso yokunye esetyenziswa kuzo ipersimmon, zona zivelisa ipersimmon eyomileyo. Ipersimmon inamazinga aphezulu we pectin, zisetyenziswa kakhulu xa kusenziwa ijam kunye nezinye ezisetyenziswa ukuqaba, okufana ne chutney kunye ne atchar eqhwethayo.

Ipete okanye umphakathi we persimmons zisetyenziswa njengeyeza lokunyanga isifo somhlaza kwilizwe lase Japan, ikwasetyenziswa njenge yeza lokunyanga eChina, kwakude kudala. Umphakathi ukhusela icells zomzimba, zincedisa umzimba ukulwa nentsholongwane nezifo. Imiphakathi yesisi qhamo inceda ukwehlisa uxinzelelo lwegazi kwaye nokunceda iingxaki zamathumbu.

Imveliso Yamazwe Jikelele

Ilizwe lase China lelona lizwe livelisa kakhulu kwi persimmons kwaye livelisa ngapha kweziqingatha ezimbini/ezintathu zemveliso yelizwe. Kulandela ilizwe lase South Korea, Japan, ne Spain. Amanye amazwe avelisa persimmons yi Israel, U.S.A, South Africa, New Zealand, Australia, Egypt ne Chile.

Imveliso yase Mzantsi Afrika

©Louise Brodie
Dew fresh Sharon Fruit.

Intengiso ye persimmons yonke eMzantsi Afrika isuka eSharon™ esisiqhamo, igama lentengiso yohlobo elingenazo iintanga ngaphakathi i-astringent persimmon Kaki intlobo ze Diospyros Triump. Eli hlobo le astringent persimmon laqalisa ukulinywa kwindawo Sharon Valley kwelase Israel kwaye eligama yintsusa yegama lentengiso. Lentengiso yaqalwa kwelase Mzantsi Afrika phakathi ko 1990s, ngenxa yenzame ze Mor International, iqela lase Israel elinoxanduva lentengiso yesivuno se astringent persimmon yase Israel. Injongo yokuqala intengiso yelizwe lase Mzantsi Afrika yayiku kwandisa ixesha lemveliso elisuka eSouthern Hemisphere. Kwiminyaka elishumi edlulileyo, intengiso idityaniswe ngemimandla ekulungeleyo ukukhulisa esi siqhamo.

Ixesha le Mveliso

Kwilizwe lase Mzantsi Afrika, isiqhamo iSharon™ sivunwa phakathi kwinyanga ka April de kuphele inyanga ka May kwaye ifumaneka de kube yinyanga ka August.

Iingingqi ze Mveliso

Esisiqhamo siveliswa kakhulu kwi Southern Cape, eyingxenye yephondo le Ntshona Koloni ze ihanjiswe e-ARISA eyindawo yoku pakisha nokuhlola ese Buffeljagsrivier ekufuphi eSwellendam kwiphondo lase Ntshona Koloni. Nangona esinye isiqhamo iSharon™ zithengiswa kwintengiso yeli, uninzi lwesiqhamo luhanjiswa nge nqanawe emanzini ukusiwa kwamanye amazwe nge kroba lolwandle elise Kapa.

Amazwe Angaphandle Atengiselwayo

©Louise Brodie

Eyona ntengiso enkulu yesiqhamo iSharon™ yi European Union, uninzi lwesiqhamo luhanjiswa kwivenkile zentengiso eNorthern Europe nase United Kingdom.

Imithetho Ebalulekileyo yi Imvume

Isiqhamo esisesitsha se persimmons ezithengiselwa amanye amazwe ezisuka eMzantsi Afrika ziyahambelana nemithetho esekiweyo yomgangatho malunga nentengiso yanga phandle yi South African PPECB (Perishable Products Export and Control Board).

Translated by Zikhona Plaatjie