Imitshato kwi Sizwe sama Ntwana

Ukuxhalaba kweli Qela

©Dr Peter Magubane

Umtshato phakathi kwama Ntwana akusinguwo umba wontu omnye okanye ababini, iquka iqela lonke, ukwamkeleka ngokusesikweni phakathi kwezihlobo. Kwaye umtshato unikeza umakoti nomkhwenyana isidima sobudala. Nangona kungekho budlelwane buthile phakathi kwama Ntwana, kodwa ukutshatana kwabazala kusavumelekile.

Umtshato (lenyalo) wenzeka kwintsuku ezimbini, okokuqala kwikhaya labazali baka makoti, emveni koko kwikhaya labazali bomyeni. Nangona ama Ntwana amaninzi elandela inkolo yobu Krestu, imitshato yona yenziwa ngokwesiko lama Ntwana.

Umkhwenyana unxiba isambatho esihonjiswe ngomphambili ngofele lesilwanyana, ngokufanayo umakoti naye unxiba impahla yesintu enxitywa ngumakoti, equka usiba oluphezu kwentloko okanye ebekwa iqhiya entloko eyenziwe ngentsimbi, ingumbala obomvu, uhlaza okanye omhlophe.

Ukongeza kule faskoti inxitywa ngaphambili, umakoti unxiba nengubo ekufanele ayibeke emagxeni xa engena kumzi kamamazala. Konke oku kuthetha okokuba umakoti wama Ntwana uhlala eyazi okokuba akanguye owalomzi de umamazala enze umsebenzi wesintu obonakalisa okokuba usapho longezelekile kwaye elilungu lamkelekile.

Logama umakoti wama Ntwana elingana nomyeni, kodwa uye abonwe njengomntu omdala xa ethe wanomntwana wokuqala, xa sele kucaca okokuba uyakwazi ukuzala. Emveni koko uye avumeleke okokuba anxibe isinxibo sesintu somama bama Ntwana- ifaskoti ehonjisiweyo ngaphambili- enxitywa yonke imihla.

Translated by Zikhona Plaatjie