Imicimbi neMixhentso yamaZulu

Okubalulekileyo Ngempilo Yama

©Dr Peter Magubane

Umculo, ingoma kunye nomxhentso zidlale indima ebalulekileyo kubomi bohlanga lwamaZulu. Hayi nje kumntu omnye kodwa kuluntu lonke luphela. Umxhentso oko wawubalulekile ekugcineni ukumanyana ingakumbi kumandla enzima, olonwabo, utshintsho. Umzekelo, ngaphambi kweemfazwe, emitshatweni kunye nayo yonke imicimbi yotshintsho ephawula ukungena kwisigaba okanye iqela elitsha (ingakumbi ezokukhula).

Izixhobo zomculo zazingasetyenziswa kwimixhentso yesintu yesiZulu, nkqu negubu elo na kakade. Nangona igubu lalixhaphakile kwezinye iintlanga. Igubu ekuphela kwalo elalisetyenziswa kwisintu samaZulu yayi Ngungu. Eli gubu lalisenziwa ngoku nweba ufele lwebhokwe phezu kwembiza enkulu yomdongwe. Laliye likhaliswe ngokuthi libethwe ngaphezulu ngesandla.

Kushicililelo lwembali olukhoyo, kukhangeleka ngathi isigubu, okanye igubu leplanga, nelixhaphakileyo kubantu bohlanga lwamaZulu namhlanje, lwalu kotshwe kubamelwane babo bohlanga lwamaTsonga. AmaZulu ayenenani lezixhobo zemitya. Kwezo zixhobo, uGubu, uhadi olubotshwe ngesinkari ladityaniswa nengqayi, yayisesona sixhobo sixhaphakileyo.

Umxhentso yayiyeyona nto ixabisekileyo kwimicimbi yamasiko esiZulu. Mininzi iminyadala nemisebenzi kubomi bamaZulu, nalapho umxhentso udlala indima ebalulekileyo ekuqhutyweni kwalemimbi.

Imicimbi Enentsingiselo

©Dr Peter Magubane

Kukho imicimbi ethile enentsingiselo eyenziwa ngamaZulu, umzekelo, xa inkwenkwe okanye intombazana ifikisa. Kuculwa iingoma ezithile, ezikhatshwa ngumxhentso. Ngokufanayo naxa kutshwatwa nalapho amaqelo omabini osapho esibini esitshatayo aye enze ukhuphiswano ngomxhentso.

Olu khuphiswano luyinxalenye yomsitho womtshato. Ingakumbi mandulo, ngethuba ukuzingela kwakusaxhaphakile, umxhentso wawulisiko ngaphambi kokuya kuzingela. Ngaphambi kokuphuma, amadoda ayeqokelelana ebuhlanti, nalapho ayexhentsa eqhayisa ngobungangamsha bawo. Ayethi abonise nendlela azakuthi azingele ngayo esebenzisa ubukroti.

Ngale ndlela, umdla wokuzingela wawuvuseleleka kukhule nemincili. Owona mxhentso utsala amehlo nonikisa umdla ngulowo wawusenziwa ngamakroti/ amajoni omkhosi weKumkani ngaphambi kokuya emfazweni nakwimixhentso ebanjwa kanye ngonyaka emzini weKumkani kanye emva kweziqhamo zokuqala.

Kule mixhentso amajoni ayenxiba zonke izikhakha zawo. Kwaye le mixhentso yayiba namandla kwaye ihambelane. Kwakufuneke bazilolonge kanobom ngaphambi kwale mixhentso. Lo mboniso, udibene nemigexo yabo nezikhakha zabo wawubukeleka ngeyona ndlela.

Translated by Zizipho Silwana