Imbali Elandelekayo yeNyama yeBhokwe eMzantsi Afrika

© Marinda Louw

Kubalulekile ukulandelela imbali yokutya okanye isinongo sokutya. Ukulandelela imbali yokutya kuqala kwimveliso, ukwenziwa kwako ukuthuthwa ukuya kuma kwintengiso ezivenkileni. Oku kubaluleke kakhulu xa kubhekiselele kwimpilo yoluntu. Ukwazi imvelaphi yemveliso kunye nezinongo kubaluleke kakhulu, ukuze kuthintelwe ukunwenwa kwaso nasiphi na isifo esinokubangelwa kukutya okanye yinto egalelwe ekutyeni.
Ukulandeleka kwemvelaphi yezilwanyana kuthetha ukwazi ukulandela izilwanyana okanye umhlambi wezilwanyana ngawo onke amanqanaba esidlule kuwo-Ukusukela ekuzalweni kwindawo ethile ukuya ekuxhelweni ukuya kuma ekuchachweni komzimba.
Ukwanda kokuthandwa kwenyama ehlabathini kuzise amathuba amatsha okuthengisa inyama/imveliso yenyama kwamanye amazwe. Oku kuthe kwakhuthaza oorhulumente kunye nemibutho ejongene nezemfuyo ukuba ityale imali ekuphuhliseni izixhobo neendlela zokulandelela izilwanyana neemveliso yenyama yazo.
Ukulandeleleka kwemvelaphi yezilwanyana kusisiseko solawulo lococeko kwimveliso yokutya kunye nemvelaphi yezilwanyana. Ngoko ke, ukulandeleleka kwemvelaphi kuyi link phakathi kwesilwanyana kunye nempilo yabantu kwakunye nokuqhagamshelanisa ukhuseleko lokutya kunye nomgangatho wokutya.

Ukwaziwa kweMfuyo eMzantsi Afrika

eMzantsi Afrika, kusesetyenzelwa ekusekweni kweIn South Africa, work is in progress to National Livestock Identification and Traceability System (I-ITS SA) neqhagamshelanisa abanini kunye nezilwanyana, indawo abakuyo baze babhaliswe nganye nganye ukuze kushicilelwe iintshukumo zabo kwindawo egcina iinkcukacha enye. Nangona iingqwalasela ikwiibhokwe zentengiso, kwimfuyo yazo kwakunye nendlela ezixhelwa ngayo. Icandelo lezemfuyo elisakhulayo nalo lifakiwe koluqulunqo. Mininzi ke imiceli mngeni esele kuhlangatyezenwe nayo. Kweli candelo lisakhasayo, kuquka ubuchule bezobuchephesha (IT).
Inkqubo ye I-ITS SA ingancedisa ekukhuseleni umhlambi wemfuyo yesizwe njengoko inokunceda ekuthintelweni kwezifo kunye nokulungela izifo ezinokuthi ziqhambuke. Kwaye ingaqinisekisa nokuba ezo zifo zikhawuleza zilawullwe zingekanwenweli, ngalondlela ke kungancipha nomonakalo kwezoshishino.
(Ithenda ememelela umniki nkonzo ngenkqubo yokwakha ubuchwephesha be I-ITS SA, ivale ngomhla wama 22 Septemba 2018.)

Translated by Zizipho Silwana