iCoat of Arms yase Free State

iCoat of Arms yephondo lase Free State yabekwa ngokusesikweni ngomhla wesi 7,Meyi 1999. Inesisekelo esinemibala eyohlukeneyo-eluhlaza, ntsundu,mdaka nebonakalisa imibala yomhlaba wephondo lase Free State. 

Imotto ethi KATLEHO KA KOPANO – ebhalwe ngolwimi lwe Sesotho ithetha impumelelo ngoku manyana. Ikhakha linombala oluhlaza okwengca, tyheli kunye noluhlaza wesibhakabhaka. Lombala uluhlaza okwengca umele amathafa aluhlaza, ze oluhlaza okwesibhakabhaka umele isibhakabhaka otyheli wona umele amatye ase Ntshona Free State.

Embindini wombala otyheli kukho intyatyambo yeliphondo ebizwa nge Orange River Lily. Ngaphezu kweli khakha kukho isithsaba esinee dayimani kunye nezikhwebu zombona, zona ke zimele ukutyeba kwemihlaba elinywayo kunye nemigodi ekweli lase Free State. Eli khaka lixhagwe ngamahlosi amabini.

uPhawu lweSilwanyana - Cheetah (Acinonyx jubatus)

©Nigel Dennis

Umzimba wehlosi umile okwe greyhound, line milenze emide, intliziyo namaphaphu amakhulu kunye namaphumulo avuleke kakhulu, kuyacaca nje ukuba esi silwanyana sakhelwe amendu. Sesona silwanyana sihamba emhlabeni sinamendu ehlabathini. Ihlosi liyinxalenye yosapho lwe kati, nangona ikhangeleka okwenja, kwaye iinzipho zayo zingakwazi ukutshona, njengezinye iikati.

Iinzipho zalo ezihlala zingaphandle kuyinceda ekugcineni isantya sayo xa ibaleka. Umsila omde wehlosi, liwusebenzisa ngengesi zizinzisi xa libaleka lileqa inyamakazi. Xa sele libaleka ihlosi, ibangumbono omangazayo. Ukusuka nje ekucambalaleni ukuya kwisantya esiphezulu kwimizuzu nje engaphamntsi kwama 60. Amendu alo angafikelela kuma 114 km\h.

Ixhoba lalo, nelinokuba yintoni, ukusukela kunogwaja ukuya kwinyamakazi encinci, liye lizame ukubalenga ngokuphinyela phakathi kwemithi kune namahlahla. Ivamise ukuba ngumdyarho wamendu, amaqhinga kunye nokungapheli mandla okwenza ixhoba liphele libasisidlo Amahlosi kusenokwenzeka ukuba zezona zilwanyana zizingelo ngokuyimpumelelo ukodlula zonke ezinye iikati ezinkulu, ingakumbi xa zithatha amaxhoba azo engalindelanga. Kodwa ke, zikhaphukhaphu kakhulu kunezinye iikati ezinkulu.

Amaxa amaninzi aye aphulukane nesidlo sawo, sithathwe zingwe kunye neengonyama, ingakumbi kuba kufuneka ziqale zihlise umbefu ngaphambi kokuba atye. Amahlosi anemida ethile ebangamakhaya awo, awanabango lamihlaba gqitha. Lemida ayiphawula ngomchamo, kodwa awakuhoyanga ukuyikhusela ngokulwa. Ukusebenzisana nokuhlalisana kwabanakwe bamahlosi kuyinto eqhelekileyo.

uPhawu lwe Ntyatyambo - Orange River Lily (Crinum bulbispermum)

Intyatyambo yohlobo lwe Orange River lily yintyatyambo enkulu enokukhula ifikelele kwi 1m ubude. Inamagqabi angwevu-luhlaza, isiqu eside kunye neentyatyambo ezijingayo ezipinki kunye nemigca ebomvu. Njengoko igama layo lizichaza, ezintyatyambo zikhulu ecaleni kwemilambo kunye nasendaweni ezinemigxobhozo.

Ezi ntyatyambo zine ncasa eswiti enezothe nebizela izinambuzane nezithi zenze usasazo lwembewu(ipollination). I-Orange River lilies zidubula ngeenyanga zasehlotyeni. Zithi zakuwa iintyatyambo, kuvele isiqhamo esisentweni enkulu epinki nequlathe imbewu. Iimbewu ibangamagaqa kwaye iyantshula ukufika nje kwayo emhlabeni.

Lamagaqa akhuselwe ngamaxolo akhwatshukhwatshu, nasebenza njengendlela ethile yokukhusela lembewu ngeenyanga ezomileyo zobusika. Le ntyatyambo isetyenziswa njengeyeza lesintu ukuthomalalisa rheumatism, imithambo, inciphise nokudumba. Kukwakholelwa ukuba lentyatyambo ikhusela ikhaya kwimimoya emdaka.

Translated by Zizipho Silwana