Gazania
Umkwinti
Igama
Umkwinti
Igama lesi Latin
Gazania Krebsiana subsp. Serrulata
Inkangeleko
Esi sityalo sikhula kumhlaba ocambaleleyo, kwaye ikhangeleka njenge bala lokukhanya kwelanga. Ikhula ifikelele kubude obuli 100 mm. Amagqabi angama 50 mm ubude kwaye aluhlaza othinzileyo ngentla ze abemhlophe emazantsi. Intloko zentyatyambo ezimangazayo zingama 50 cm ububanzi kwaye zingumthubi orarambileyo ngebala(maxa wambi zibemhlophe). Zidubula ukuqala kweyeKhala ukuya kweyoMsintsi.
Apho ikhula khona
Ivamise ukukhula kwindawo ezinamathafa engca aphangaleleyo. Ingafumaneka nakwi Phondo loMntla kolini.
Amanqaku asendle
Umkwinti sesinye sezona zityalo ziqhakrazileyo e Mzantsi Afrika. Ingakumbi xakunetha iimvula zentwasahlobo kwindawo ezomileyo ube umhlaba ugqunywe yimibala egqamileyo yalentyatyambo. Lo nobuhle we ntwasahlobo ubonwa njengenye yentandane ezingumnqa zendalo yehlabathu. Lentyatyambo ikwanceda umhlaba ume ndawoninye ungaphaphatheki.