SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedCrested Barbet - Iintaka - Mzantsi Afrika

Crested Barbet

© Shem Compion

Inkangeleko

Ngomlomo wayo omde neentsiba ezinemibala eqaqambileyo lentaka ayinaku phazanyiswa nezinye. Lentaka incinane inobuso obunamachokoza athyeli nesifuba esincinci esimmnyama. Isisu sityheli namachokoza abomvu, iimpiko zimnyama kunye namachokoza namhlophe. Ize ibenomngqibo omkhulu omnyama entanyeni. Lemibala yayo yenza ifane nehlathi ingabinakuqapheleka. Inesikhalo esisodwa esintshiyozayo.

Isidlo

Lentaka itya izinambuzane, amaqanda ezinye iintaka kunye neziqhamo.

Ukuzala

Zizalela emingxunyeni yemithi okanye kwiziqobo ezise gadini. Zibaneqabane elinye ngexesha kwaye zibanebango ngendawo xazizozala. Iindawo zazo ziyashiyana ngokobukhulu bengingqi leyo. Amaqanda abekwa phakathi kweyo Msintsi ukuya kweyo Mnga. Elinye ukuya kwamahlanu amaqanda ayabekwa, ashiyana ngentsuku phakathi.
Ufukamo lubasisithuba sentsuku eziyo 13-17, imazi ithi ziqala ngeqanda lokuqala okanye lesithathi. Amantshontsho aqanduselwa engenaboya kwaye ezimfama. Atyiswa zinambuzane ngabazali bobabini. Itela isuswa qhoqo. Zishiya iingqweji zazo emva kwentsuku ezingama 31. Ngexesha lokuzalwa zizala nakahlanu.

Ukuziphatha

Zifumaneka zihamba zodwa okanye zisisibini. Ziyathanda ukutsibatsiba emhlabeni zijikeleza zikhangela ukuty, zivamise ukwenza intsholo zibe zibe zither ngcu kumahlahla emithi esekuhleni. Azibhabhi lula kwaye zibhabha nje imiganyana emifutshane. ICrested Barbets zilala kwimingxunya yemithi.
Ziyakhwaza, kwaye intsholo yazo ingaqhubeka ithuba elide. IiCrested Barbets zinengcwangu kwezinye iintaka ezisendaweni yazo. Kwaye zingagxotha ezinye ezifukama kwingqweji ezifana nezazo, kuquka namahobe. Kukho ushicilelo apho zazikhe zahlasela zabulala impuku ne nyoka.

Intlalo

Ehlathini, kwindawo ezinengca, Kwigadi zamakhaya, indawo ezinemithi kunye nendawoezima amanzi.

Apho zifumaneka khona

ICrested Barbets zixhaphakile kuMazantsi e Afrika. Zikwakhona nase Zimbabwe,Mozambique, Botswana kunye nase Mantla e Namibia.