Chenel

Inkcazelo

iChenel ngumdiliya wewayini omhlophe onencasa ejavujavu, kwaye uveliswe apha eMzantsi Afrika ngu Prof Chris Orffer. Oonozala be Chenel yi Chenin Blanc kunye ne Ugni Blanc (ekwabizwa nge Trebbiano).

Imvelaphi

Mzantsi Afrika.

Amanye Amagama

iChenel ikwaziwa njenge K1, kodwa iWeldra ngomnye umdiliya omvelaphi yawo ise Mzantsi Afrika. Kwaye nayo inonozala abafana nabe Chenel.

Imveliso eMzantsi Afrika

iChenel yaveliswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1974. Ziphantse ukufikelela kuma 33ha iChenel ezityalwe eMzantsi Afrika (2016) isiqingatha (14.5ha) sityalwe kwingingqi yase Robertson.

Ezona fama zindala zalomdiliya ezisekhoyo zazityalwe ngomnyaka ka 1979 kwi fama iLaaiplaas kwingingqi yase Robertson.

Iingingqi Eveliswa Kuzo eMzantsi Afrika

Ummandla wase Robertson uvelisa uninzi lwe Chenel. iOlifants Valley kunye nephondo loMntla Koloni lunezityalo ezibalelwa kwi 8 ha kwindawo nganye, Iyi 1 ha kuphela etyalwe ngomnyaka ka 2016.

Ukukhula

Lomdiliya ukhula kakuhle xa unkcenkceshelwa rhoqo kwaye unonophelwe, kwaye uvelisa isivuno ophakathi(16-20 t/ha) ukuya kwisivuno esiphezulu (23-27t/ha). Ngenxa yokungakhawlezi kwawo ukubola, ungatyalwa kumhlaba osezantsi ofumileyo kwingingqi ezifudumeleyo.

Ukuvuthwa

Sisityalo esivuthwa kade, iChenel ivunwa emva kwentsuku ezine emva kwe Chenin Blanc.

Amagqabi

Amagqabi e Chenel aphakathi ngokomlinganiselo, aluhlaza ongacacanga kwaye anekona ezintathu ukumila.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa alomdiliya aphakathi ngokomlinganiselo kwaye a-ovali ukumila kunye namaxolo apecece kodwa omeleleyo. Anamanzi kunye nencasa ejavujavu.

Izonakalisi Nezifo

iChenel ngumdilya owomeleyo ongafunyanwa lula zizonakalisi nezifo nemo yezulu emanzi. Kwaye iyakwaz ukumelana nesifo sokungunda nezinye izifo zokubola ezihlasela imidiliya.

Imisebenzi

iChenel ivelisa iwayini ezimhlophe nezinencasasa ejavujavu. Incasa yalomdiliya neqondo layo eliphezulu le asidi (6-8g/l) yenza i Chenel ibeyiwayini ekulungele ukuxutywa ne branti okanye isetyenziswe ngengomxube wezinye iwayini ukunyusa izinga le wayini.

Incasa

Iiwayini ezenziwe ngomdiliya we Chenel zinencasa ejavujavu kwaye zinr asidi ephezulu.Translated by Zizipho Silwana