Amasiko Esintu Abonakalisa uKukhula

Imisebeni Yolwaluko lwama Khwenkwe

©Dr Peter Magubane

Kwiminyaka engama 150 eyadlulayo okanye ngaphezulu, zonke izindlu zobukhosi zase Mazantsi -Afrika kunye noluntu lwama Khoi-san babesenza isiko lolwaluko belungisa ulutsha, amadoda nabafazi bealungiselela ubudala phakathi ekuhlaleni nemisebenzi ehamba nobudala, ngosuku olungaziwayo kudala, iinkosi zama xhosa zavuma ulwaluko njengeyona ndlela yolwaluko lwamadoda, kuqikelelwa okokuba babona ku Basotho, kwaye loyanyaniswa nabo ukususela ngoko.

Exesheni kwaye nangenxa yama Xhosa, ulwaluko lwathi lwenziwa zizindlu zeenkosi ezingqongileyo ezifana nezaba Thembu, Mfengu, Bomvana, Xesibe, Mpondo nama Mpondomise. Ngaphandle kwamathandabuzo, ulwaluko lwalune mbonakalo yobukhosi bomlo, njengomsebenzi obalulekileyo kubafana ababezakusebenza njenga magorha phambi kokuvunyelwa batshate. Xa abathabatha indawo kaDingiswayo, noTshaka bazisa lendlela kwa Zulu, ulwauko lwama Zulu lwayekiswa.

Umkhwetha Wakwa Xhosa

©Dr Peter Magubane

Mandulo, mkhwetha ngamnye wom Xhosa wayenikezwa Umkhonto nezixhobo zokulwa ngutata wakhe noobhuti baka tata wakhe kumsitho womphumo owaziwa njengo (mgidi) owenziwa ngenjongo yokubuyisela abakhwetha ekuhlaleni xa besuka ehlathini apho bebe bekelwe bucala khona.

Ulwaluka lusenziwa ke ngamaxhosa kodwa hayi kakhulu, kwidolophu nasezilalini, nangona ukubaluleka kwako kujongisiswa ngokonyango lwasentshona. Ukususela ngeminya yo 1990 ekuqaleni, inani labakhwetha abanengxaki zempilo kunye nengxaki zengqondo, abanye bafe ngenxa yolwaluko amanani oyonyuka rhoqo ngonyaka. Isisombululo sezingxaki zikhathazayo kukubeka ulwaluko kwizandla zoogqirha abaqeqeshelwe ukwalusa amakhwenkwe.

Translated by Zikhona Plaatjie