Yintoni Ushicilelo Lwemveliso?

© Marinda Louw

Ushicilelo lwenkcukacha zemveliso yase fama lusetyenziswa njenge nxalenye yokugcina iinkcukacha eziye zincede kwindlela elawulwa nephathwa ngayo ifama. Ulawulo lwefama luquka ukuhlelwa kwezityalo, nokwandisa imfuyo, ukugada indlela eziqhuba ngayo izityalo kunye nemfuyo. Oku kuquka nokukwazi ukuhlela imveliso usebenzisa ushicilelo lonyaka ophelileyo lwe mveliso. Ukugcinwa koshicilelo lwemveliso efama kunceda ekunikeni isiseko apho umfana angasebenzela phezu kwaso. Olona shicilelo lwemveliso lusetyenziswayo lolwe zityalo, imfuyo,abasebenzi kunye nolwemitshini.

Iindidi Zoshicilelo Lwe Mveliso

Akunyanzelekanga nokuba libeyinto enzima, ushicilelo lwe mveliso lungenzelwe kwi spreadsheet. Esi spreadsheet singabonakalisa inyanga, indidi yesityalo, umhla wokutyalwa nowokuvunwa, indidi yemfuyo, inani, intlobo yemakethi/yabathengi kunye nexabiso ethengiswa ngayo nge kg nganye. Ushicilelo lwe mveliso lusenokubaneenkcukacha ezithe vetshe kunoku. Imizekelo idweliswe ngezantsi.
Ushicilelo Lwezityalo Ezilinyiweyo
Lo mqulu ungaquka zonke iintsimi ezahlukeneyo okanye inaani lemithi, umlinganiselo wemveliso, isivuno esilindelekileyo, kunye nenkcazelo ngomhlaba osetyenzisiweuo ukulima esi sityalo sithile okanye eso siqhamo. Ezinye izinto ezinokufakwa kushicilelo lwezityalo ezilinyiweyo ingaba zizichumiso, imbewu, iindlela zokutyala, ulawulo lwezonakaliso nokhula, ixesha lokugalela umgquba nezitshizi kunye nesifuno.
Ushicilelo Lwe Mveliso Yemfuyo
Zonke iinkcukacha ezimayelana nemfuyo kufuneka zishicilelwe apha. Imizekelo kukutya, amayeza nemilinganiselo, iindleko zokupapasha kunye noshicilelo lwesilwanyana ngasinye, olu fana nemveliso yobisi, ushicilelo lokuzala, imveliso yewulu, ukwehla nokunyuka kobunzima besiqu. Amanani emfuyo kufuneka ohlulwe ngokweminyaka nesini, umzekelo, iinkunzi, iinkomo kunye namathokazi anonyaka omnye okanye emibini.
Ushicilelo Lwa Basebenzi
Imiba ephathelene nabasebenzi efana nezivumelwano zengqesho zabasebenzi, umrholo abawunikiweyo, izabelo, iindleko zezempilo kunye nembuyekezo yabasebenzi ishicilelwa kwimiqulu yabasebenzi. Ezinye izinto ekufanele zifakwe linani labasebenzi, iimali mboleko, amatyala, iintsuku zokuphumla (leave days) kunye nentsuku zokungabikho kwabo emsebenzini.
Ushicilelo Lwe Mitshini
Iinkcukacha nge mitshini zifakwa kushicilelo lwe mitshini kwaye kufanele ziquke iingcombolo ezifana ne ntlobo yomtshini, ubudala bawo, ixabiso ngokwencwadi, ushicilelo lokulungiswa kwayo, iinani leeyure esebenze ngayo, kunye ne insurance.

Translated by Zizipho Silwana