Yintoni iRoyal Jelly?

© Waugsberg

I-Royal Jelly ngumgubo ongqindilili omhlophe, yenziwe emilonyeni nakumadlala omqala (maxa wambi ibizwa okokuba yi ‘brood food’ amadlala) wenyosi ezingomama. Ngumxube ongaqhelekanga weziqholo ezisempilweni. Inamanzi (50%-60%), proteins (18%), carbohydrates (15%), amafutha (3% - 6%), iityuwa zeminerali (1.5%) – kuquka ipotassium, calcium, sodium, iron kunye ne manganese – kunye nezakha mzimba.
I-Royal Jelly yaziwa njengokutya okunikeza amandla nempilo, lilonke ‘isuperfood’. Kwaye inikezwa inyosi eyinkosazana okanye ephethe ezinye kunye neenyosi ezisandula uku qanduselwa (iintsuku ezimbini ukuya kwezintathu kuphela). Le ‘superfood’ sesona sizathu sokuba inkosazana okanye inyosi ephetheyo iphile ubomi obude xa kuthelekiswa nezinye iinyosi: iinyosi ezizinkosazana ziphila amatyeli aphinda phindwe ngama shumi amane (40) ubude kuneenyosi ezingomama.
Bonke abantwana batyiswa iroyal jelly kwintsuku zokuqala emveni kokuzalwa, kodwa abantwana besifazane batyiswa ‘isonka seenyosi’, umxube odidiyeliweyo we royal jelly, ubusi kunye ne pollen. Amantshontsho athile aqhubeka etyiswa iroyal jelly, ezenza zijike zibezinkosazana zenyosi okanye iinyosi eziphetheyo – ezinkulu, eziphila kade kwaye ezivelisa amaqanda’ ngokwendlela eziphila ngayo.
Ikhona ke ephilayo iroyalactin efumaneka kwi royal jelly, ejika amantshontsho abezinyosi ezizalayo. Zikhona izifundo ezikuthandabuzayo oku kwaye zikholelwa okokuba ukungatyisi ‘abantwana abazinkosazana’ ukutya okuqhelekileyo isonka seenyosi kuvumela ukukhula kwesimilo senyosi ezizalayo ezizinkosazana.
iRoyal Jelly ayigcinwa kwaye ityiswa ngqo kwinkosazana namantshontsho.

iMveliso ye Royal Jelly

Ukususela ngeminyaka yo 1990, ingeniso yabagcini nyosi bama China iyonyuka nyaka nonyaka ngenxa yokwanda kwemveliso ye Royal Jelly. Abagcini nyosi benza ingeniso entle kakhulu nge 5 kg ye royal jelly evuniweyo (ngokwe qela ngonyaka), logama abanye abagcini nyosi benengeniso ephantsi nomlinganiselo ongaphantsi kwe 2 kg ye royal jelly ngeqembu ngonyaka.
I-Royal Jelly ivunwa ngesandla ngoku susa amantshontsho anosuku olunye ukuya kwintsuku ezintathu ubudala kumajoni enzala emveni koko kususwe iroyal jelly ngomcephe omncinci. I-Royal jelly kufuneka ifakwe kwisikhenkcezisi phakathi ko 0 -5 ℃ kwiyure emveni kokuba ivuniwe yagcinwe kwizigcini ze glasi ezimnyama. Ingagcinwa iinyanga ezilishumi nesibhozo xa igcinwe kwisikhenkcezisi okanye iinyanga ezingamashumi amabini anesine xa ziqinile kwisi khenkcezisi. iRoyal jelly eqiniswe kwisi khenkcezisi ingagcinwa iminyaka.
Ngoku ka Mike Allsop, intloko yephondo kwi Honeybee Research Section ye Agricultural Research Council (ARC) eStellenbosch, iroyal jelly ayithengiswa eMzantsi Afrika. ‘Kunzima ukuvelisa amazinga afunekayo wentengiso ye royal jelly kwinyosi zobusi zase Kapa (Apis mellifera capensis) ngenxa yendalo yeenyosi. Umgcini nyosi angafumana iinyosi ezingomama ezikwaziyo ukuzala, ezingaphela zikwi bhokisi ezingenanto. Ukuzama ukuvelisa iroyal jelly kwindawo apho inyosi ‘i-African bee’ (Apis mellifera scutellata) ilinywa khona izakwenza kubenzima ‘kwingxaki ye Capensis’ engenza kutshabalale amaqembu weenyosi (Ingxaki ye Capensis kuxa iinyosi zase Kapa zithatha indawo kwikhakha nakwidnawo ze African bees, neziphumo zokubulala iAfrican bee queen neqela layo).

Imisebenzi ye Royal Jelly

Ngaphandle kokunikeza ukutya okuzele iprotein kwamantshontsho angathi abezinkosazana zenyosi ezizalayo, iroyal jelly ivunwa ngabantu ukuze isetyenziswe emayezeni kunye nakwizigcobi mzimba isetyenziswa isentsha, ipholile okanye iqinile kwisikhenkcezisi yomile, iroyal jelly ingaxutywa ekutyeni, isetyenziswe kwipilisi okaye kwizitofu okanye yenziwe kwizigcobisi zesi khumba kumanxeba okutsha. Iyatyiswa namahashe omdyarho nakwintlobo zamangolwane nezinambuzane.
I-Royal Jelly eziswe eMzantsi Afrika (ukuze isetyenziswe kwimveliso ezenziwe kweli) iyatshiswa. Oku kutshabalalisa okuyenza isebenza ngempumelelo.

Translated by Zikhona Plaatjie