Vervet Monkey
Inkawu

© Nigel Dennis

Igama

Inkawu [Chlorocebus pygerythrus]

Inkangeleko

Iinkunzi zinobunzima obuzi 6 kg kunye nobude obuzi 1.1, logama iimazi zincinane kwaye zinobunzima ubuzi 4 k5 kuphela. Ezi nkawu zinoboya obungwevu osilivere kunye nobuso obumnyama.
Imingqibe yamashiya imhlophe, zikwanjalo nenyawo nencakama yomsila. Ubuni benkunzi zinombala ogqamileyo ukucacisa isini sayo, oku ke iba yincanca ebomvu namasende blue.

Isidlo

Isidlo sayo sivamise ukungabinanyama, itya iziqhamo, iintyatyambo kunye nezinambuzane, ezi ke kukutya ezikutya kakhulu. Iinkawu ke ziphakathi kwezilwanyana ezimbalwa eziyibonayo imibala, oku ke kunceda ukuba Iinkawu zikwazi ukohlukanisa phakathi kwesiqhamo esihlaza nesivuthiweyo.

Ukuzala

Esi silwanyana sizala ngamaxesha athile kwaye sizala intshontsho elinye phakathi kweyoKwindla nekaCanzibe emva kokumitha isithuba sentsuku ezingama 140. Umtyhi phakathi kokuzala usenobamde ukogqitha ixesha lokuzala, kwaye kuhambelana nobuninzi bokutya.

Ukuziphatha

Iinkawu zizilwanyana ezingenantloni nezikwaziyo ukuhlalelana nezinye, kwaye zihlala zingamaqela, alawulwa zinkunzi. Iimazi azizishiyi iintsapho ezizalelwe kuzo, kodwa zona iinkunzi ziyahamba xazifikelele ebudaleni. Izabelo zokutya okubalulekileyo kuxhomekeka kwizikhundla zolawulo.

Intlalo

Imithi emide exineneyo neyaneleyo kwakunye nokufumaneka kwamanzi angatshiyo, kuvumela ezinkawu ukuba zande kwindawo ezininzi ezahlukeneyo. Zibonwa njengezilwanyana ezizincutshe zehlathi.

Apho Zifumaneka Khona

UMzantsi Afrika awufani namanye amazwe ashushu ase Afrika, zimbinin kuphela indidi zeenkawu eMzantsi Afrika ezibizwa ngokuba yi Vervet ne Samango. Zombini zitya iziqhamo kwaye zihlala emithini, nto leyo inokubangela umonakalo omkhulu kwiziqhamo ezityalelwe intengiso.
Inkawu eluhlobo lwe Vervet ixhaphakile uMzantsi Afrika wonke kwaye ibakhona apho izidingo zayo zentlalo nokutya zingaphumezeka. Imithi ye wattle yenza kubelula ukuba iinkanwu ze Vervet zande.