uNobangela Wokuqhwalela kwii Hagu

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Non-slip flooring: Non-slip flooring will help to prevent injuries.
Umbutho wabavelisi benyama yehagu eMzantsi Afrika abaziwa ngokuba yi ‘South African Pork Port Producers Organisation’ eyaziwa nge SAPPO ngamafutshane kwincwadi yayo yemveliso ethi Pigs for Profit ichaza oku kulandelayo njengazona zizathu zokuqhwalela nokufa amalungu kwihagu.

uKophuka Kwama Thambo

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Sows on sawdust: Bedding may obtain infection causing bacteria.
Amathambo ehagu ayophuka nakweyiphi iminyaka, ngenxa yokonzakala okanye iingxaki zamathambo. Ihagu enethambo elophukileyo, akufunekanga isindise inyawo okanye icala elophukileyo, elo lungu lophukileyo kufuneka lisuswe phantsi, ihagu inganga kwazi ukuphakama, elolungu liyakwazi nokujijeka okanye lidumbe okanye lenze ingxolo engapheliyo xa lithe lasuswa.
Ukophuka kwamathambo nokonzakala kunga thintelwa ngokuphathwa kakuhle kwe hagu, ukuba nendawo engatyibilikisiyo, elinganayo, indawo eyomileyo phantsi kwaye nokunga gcini izilwanyana ezininzi endaweni encinci. I-SAPPO icebisa okokuba iihagu ezinamathambo ophukileyo zixhelwe kwangoko ukuze kuthintelwe okokuba umgangatho ungadobalali ngokwe mpilo kwaye ukunqanda nokuva iintlungu.

uKonzakala Komqolo na Mathumba

Ukonzakala komqolo okanye amathumba kungenziwa kukonzakala okwenziwa kuku betheka ngomqolo, ukutyibilika kwe hagu nokujijeka okanye inkunzi isinde kakhulu kwi mazi yehagu. Ukosuleleka ngenxa yokulunywa komsila umzekelo, kungenza amathumba nezilonda emqolo. Zonke ezi meko zingenza ihagu ihlale oku kwenja irhuqe imiva ukuze iphakame okanye ihlale phantsi.
Ngoku fanayo namathambo ophukileyo, ingathintelwa ngoku phatha kakuhle iihagu, zingahlali kwindawo etyibilikisayo,kufuneka ilingane, kufuneka kome kwaye zingaxinani iihagu apho zihlala khona. Kufuneka kuqaphelwe kungasetyenziswa iinkunzi ezinkulu kwi mazi zehagu kwaye kuthintelwe nokulumana imisila, oku kuye kwenzeke xa iihagu zigcwele endaweni enye, ukungabina ndawo yokutyela eyaneleyo kunye nazinga eliphezulu lezifo. Iimazi ezonzakeleyo, zingaphila ngokuthi ziphumle, kodwa ke iingxaki ezinobuzaza zokonzakala komqolo namathumba zinganga nyangeki.

Iingxaki zama Thambo

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Piglets should receive balanced rations to prevent nutritional deficiencies that may lead to bone problems.
Amathambo aye athambe okanye abe nkuphunkuphu enziwa kukutya okungekho semgangathweni okunganikezi izakha mzimba icalcium okanye iphosphorus. Iimpawu zokuswela izakha mzimba zingabonakala kwangethuba ngexesha lemveliso njengamathambo akhula ngokunga qhelekanga apho kuhlala amantshontsho okanye kwii hagu ezisa khulayo.
Zona ke ezithe gqolo iintswela zakha mzimba okanye ezibonwe ekugqibeleni zingenza amathambo abuthathaka eyenza okokuba kukhawuleze ukuxhelwa loohagu okanye ezohagu. Ihagu ezichaphazelekayo zingaqhwalela, zihlupheke kumathambo ophukileyo okanye zingakwazi ukuphakama.
Ukuthintela le ngxaki, amafama anganikeza iihagu zawo ukutya okuse mpilweni ngamaxesha onke emveliso. Amafama kufuneka azazi iziphumo zokugcwala amanzi amaninzi okanye iron eninzi okanye amanzi ane methali ezinzima kuba ezi zingathintela ukufunxwa kwe mineral ngamanzi, oku kungenza iingxaki zenyawo. Icalcium eyongeziweyo okanye phosphorus inganikezwa iihagu eziswele izakha mzimba, kodwa iihagu ezingakwazi ukuhamba okanye ezise zintlungwini kufuneka zixhelwe.

Isifo Samathambo

©Glenneis Kriel
Isifo samathambo singenziwa zimeko zosuleleko, iihagu ezityebe kakhulu neehagu ezikhula kakhulu. Iihagu ezosulelekileyo zingaqhwalela, zingafuni ukuphakama okanye zidumbe amalungu omzimba/iinyawo ezithi zibe shushu xa uziva.
Amacebiso oku thintela isifo samathambo, aquka ucoceko, ukuchasana nezifo ngokuqaba isibhono samantshontsho ehagu esemancinci ngesichasi zifo xa esando kuzalwa nokulawula amaxesha okutya nokukhulisa iihagu ezikhula kakuhle. I-Pigs for Profit icebisa amafama okokuba athethe noogqirha bezilwanyana ngonyango, kuba isifo samathambo singanyangeka zi antibiotics. Ukonakala kweendawo ekudibana kuzo amathambo, kona kunga nobuzaza kude eyona ndlela engcono yokujongana nale ngxaki ibeku yixhela ihagu.

Ityhefu

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Care should be taken to ensure the water does not contain any harmful substances or toxins.
Ityuwa eninzi, izityalo ezithile, iiminerali, irhorho kunye nezinye izitshabalalisi zeentyatyambo zingenza ihagu ingakwazi ukuhamba, ibene sisu esihambisayo kunye nokugabha. Amafama angakuthintela oku ngoku gcina izilwanyane kude kwezithyefu, nokunciphisa ityuwa nokungatyisi ukutya okunamanzi kakhulu.

Phantsi

Incwadi eyaziwa ngokuba yi MSD Veterinary Manual kwi Overview of lameness ichaza uhlobo lwaphantsi njengoyena nobangela wokufa amalungu, zonke iintlobo zino ‘kuqhwalela okubandaka nyekayo kuzo’. Ukungcola namadlelo, umzekelo zingoma kakhulu okanye zibe manzi kakhulu, oku kwenze iingxaki zenyawo nokusuleleka, logama iibhedi okanye indawo zokulala zinga zisa iintsholongwane eyenza usuleleko lwesifo samathambo, esifana ne Erysipelothrix rhusiopathia.
Imeko yaphantsi ingachaphazela okanye yenze uqhwalelo xa kumtyibilizi, kumanzi okanye kukho imingxuma, iintanda okanye iindawo ezibukhali ezingenza usikeko noko nzakala.

Translated by Zikhona Plaatjie