uNelson Mandela Indoda Eyayimele Ingomso Ngokubaliswa ngu Archbishop Desmond Tutu

© Eric Miller

Ingaba Siyaphupha na?

Ngecawe mhla uNelson Mandela wayenyulwe njengo Mongameli, abantu abayi 30 000 bangena inkonzo yombulelo kwibala I-FNB ngase Soweto.

Ndandihleli ecaleni ko Nelson Mandela umtyunjwa wobu Mongameli ndambuza, “uziva njani? ucinga yonke lento iyenzeka?” ngesiqhelo waphendula: ”Ndikhumbula ekuthiwa kuthethwe ngu Leah eNew York, xa itsha ntliziyo lase Norway lalizakuchaza okokuba uphumelele indebe I-Nobel Peace Prize yonyaka ka 1984 ”wathi “sazitsweba ukuqinisekisa sasingaphuphi".

Ndathi “Nje ngesiqhelo” kuba lendoda inobukhosi nesidima, kodwa ithobekile kwaye iyafikeleleka, kodwa yonke lento ifana nephupho. Sasizitsweba rhoqo ukuqinisekisa okokuba sasinga phuphi.

Ukuthandwa kuMazwe Jikelele

Ngo Februwari ka 1990, lendoda yayiselibanjwa, ukubanjwa iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) nje ngokuba wabanesibindi sokuthi yena nabantu bakhe, ewe, okokuba nabo ngabantu kwaye bana malungelo, aquka ilungelo lokuthatha inxaxheba kwizigqibo zezopolitiko kweli lizwe.

Ngenxa yesisibindi yena nabanye bohlwaywa, abanye baya eluvalelweni abanye batshabalala. uNelson Mandela wayebonwa njenge vukela mbuso ngabantu abamhlophe balapha eMzantsi Afrika, okanye usathane uqobo, owayefanele kuvalelwa kutixwe siphoswe kude. Sibone izenzo ezintle zisenzeka phantsi kwamehlo ethu. Eli ke libonwa njengexeasha lama french lakudala lajokwa ukuze namhlanje ahlonitshwe nangabo babe fudula bemcaphukela.

Wayengana sini nabugwenxa. Wathambisa intliziyo nkqu kwabo bantliziyo nzima “baziwa ngobu krakra” - Bonke babesitya ngovuyo ezandleni zakhe kwaye ngaphandle kwamathandabuzo ngoyena Mongameli uthandwa jikelele.

Abamhlophe apha eMzantsi abawuvali umlomo ngokuba no moya wokunceda kwakhe kwaye nokuba noxolo nokwenza nantoni na ngegama loxolo nemvisiswano ngamanye amaxesha babedikwa abanye abamnyama ekuhlaleni. "Indoda enekamva yindoda emadodeni ngokuba ingumntu kwaye inempazamo zayo" - Archbishop Desmond Tutu.

Translated by Zikhona Plaatjie

Mandela, The Moral Voice of Africa

Kwingqungquthela ye Tunis OAU ngo June ka 1994, unondaba othile wabalula uMOngameli uMandela njenge “ lizwi le Afrika elizisa isazela” ....more

Nelson Mandela our beloved President by Raymond Louw

Yayingekuba enxibe ijersey yamabhokobhoko kumdlalo wokugqibela, eyanikeza uMzantsi Afrika indebe yesizwe beqala ukuvela kwelokhuphiswano , n...more