uMandela iPimpernel Emnyama ngu Benjamin Pogrund

© Eric Miller

Iintatheli kwi Politiki Zabamnyama

Ekuchazeni injongo yakhe yokuphazamisa imibhiyozo yango Meyi 1961 ye Republica Day, uMandela wazenza ixhoba lohlaselwa nguhrulumente, Kodwa kuqala kwakufuneka baqale bamfumane kwaye oku kwabayeyona nto ibalulekileyo emapoliseni. Badlakaza ilizwe lonke odwa uMandela wabangu phuncuka bemphethe waze waziwa njenge ‘Black Pimpernel, eli gama lalisuka kwi Baroness Orczy edumileyo neyayi ngumdlali webali. Kodwa akazange azifihle kakhulu. Wayezinyeiswa ngabaxhasi kwaye ebamba iintlanganiso emfihlakalweni ukuqhubekisa iinkqubo ka hlala-ekhaya.

Njenge ntatheli, eyasisele isebenza kakhulu ngezepolitiki yabamnyama, ndandimbona nanini na xa ndifuna, okanye nani xa efuna ukuthetha nam. Enye intatheli eyayikweli cham yayingo ngasekhoyo u Charles Bloomberg owayesebenzela I Sunday Times, nowahamba walishiya ilizwe kuba waye soyika iziphumo emva kokuba ebhale inkcazelo eveza iqela lamabhulu iBroederbond, iqela apha elikhohlakeleyo nelali lawula uhrulumente lise khusini.

uMandela kunye nam sathumelana imiyalezo xa omnye wethu efuna sidibane. Indawo yethu yesiqhelo yayilikhaya lika Adelaide kunye no Paul Joseph, elikwi ngingqi yase Fordsburg, nababengamalungu e Transvaal Indian Congress. Kungenjalo sasidibana ebusuku kwisiqalato esikufuphi: Ndandimisa imoto endaweni emnyama aze yena athi gqi. Indlela awayezifihla ngayo yayikuku nxiba i- ovaroli yabasebenzi, neyayingenzi kwanto ekufihleni ubuyena.

Wayehlala emotweni yam athethe ngakwenzayo. Ukuqinisekisa ukuhamba kwendlela kopapasho lwee ndaba, sasivumelana ukuba ndizakube ndikwi desika yam e Mail ngentsimbi yesi 05:00pm yonke imihla. Nani na xa kukho isidingo, umnxeba ubukhala ze ilizwi lindifundele iAction Council Statement. Zange nangemini enye ibengu Mandela, kodwa yayibangabantu bambi abatsala umnxeba kwaye maxa wambi ndandiye ndilazi ilizwi ukuba lelomhlobo wakhe.

Ukuvalwa kwe Sahluko

Kwakhona, imbali ithi uqhankqalazo lwaphanza. Ugrogriso luka hrulumente nokuba rhabaxa kwenza umsebenzi wawo. uMzantsi Afrika wahamba ngendlela entsha. Inkumbulo yam yeka Mandela ebane mpendulo ezimbini ngexesha. Eyokuqala yafika ngetsasa yoqhankqalazo: iRand Daily Mail yakhawleza maphuthuphuthu yabe sele isezitalaweni ngentsimbi yesi 08:00am. Uqhankqalazo aluzange lube yimpumelelo, kodwa zange luphanze.

Ama 50 pesenti abasebenzi bafika. Kodwa ekungxameni kwayo i Mail, yamkela amazwi ka hrulumente kunye namagosa ka masipala, yaze yaluchaza oluqhankqalazo nje ngolunga phumelelanga. I Mail yayijongwa ngembeko ngabantu abamnyama kangangokuba isihloko salo saphelisa kwa themba lokuba oluqhankqalazo beluno kuphumelela.

Ndandihleli kwi desika yama, ndiziva ndidangele kwaye ndinomsindo ngento esiyenzileyo ngethuba uMandela esitsalela umnxeba. Ndaqalisa ukuthintitha ndicela amaxolo, kodwa wandiqhawula wathi wayeyazi ukuba ayilotyala lam.

Ndandi mangazekile bububele nomoya wendoda echithe iinyanga ebeka ubomi bakhe emngciphekweni esilwa, owayencame usapho lwakhe nomsebenzi wakhe, kwaye ngoku zange abonakalise nokuncinic ukuncama okanye ukucaphuka. Wathi xa ephinda etsala umnxeba ngobo busuku, ndandingawuvali kukunyaniseka kwakhe. Kwakungekho kuzama ukushaynisa okwenzekileyo okanye azame ukutshintsha indlela izinto ezenzeke ngayo ngendlela abezo politiko abenza ngayo.

Endaweni yoko wandixelela ngqo ukuba, ‘Abantu abakhange babebaninzi abaxhasa icebo lokuhlala- ekhaya ngendlela ebelindele ngayo’. Waqhubeka wathi ‘ Asityhafanga. Ayikokuphela oku…’ enva kwe yure waphinda wanditsalela, ephendula imibuzo ebendimbuze yona malunga nenjongo zakhe zengomso.

Wandixelela ukuba bazimisele ukutshintshela ekusebenziseni izixhobo. Wathetha ngoku ‘vala isahluko’ wathi ‘Andiqondi, ndithethela mna, ukuba ndingaqhubeka ngokuthetha ngoxolo nokungasebenzisi bundlobongela kwindlela asele uhrulumente enza ngayo izinto ukucinezela uqhankqalazo lwethu oluzolieyo.

Translated by Zizipho Silwana

History that Shaped Mandela by Benjamin Pogrund

Umtsalane ka Mandela wawungafane uziveze kwiintetho zakhe ezihleliweyo....more

Nelson Rolihlahla Mandela by Raymond Louw

Ngelo xesha, uMandela wayekhokhela iqembu labangamashumi amathandathu abomeleleyo kwaye abatsha abangamalungu we ANC, ababedikiwe ngabo babe...more