Ulawulo Lwesityalo se Vatala

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Tshintsha tshintsha ivatala ngezityalo ezingamagqabi kunye neembotyi ukunciphisa izonakaliso nokwanda kwezifo.

Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye

Esiqhelekileyo: 10 iitoni Esiphakathi: 25 iitonni Esihle: 50+ iitoni

Ukuvunwa

Ivatala ingavunwa ngesandla kuba isigaba kunye nokuvuthwa kwesiqhamo kufuneka kubonwe ngulowo usikhayo phambi kokuba sikhiwe. Ungatsali ivatala kumasebe ayo. Sebenzisa imela ebukhali okanye isikere sokuvuna ukusika kakuhle isiqu se vatala.

Kufanele ushiye malunga ne 4cm yesiqu kwivatala ukunqanda inxeba ukuba lingabolisi lize limoshe ivatala. Isiqhamo kufuneka sivuthisiswe njengoko singaphindi sivuthwe xa sele sikhiwe. Eyona ndlela ilungileyo yokubona ukuba sivuthiwe kukusebenzisa isixhobo esibizwa nge refractometer.

Thatha iisampuli kwintsimi yonke za xa iBrix (isibalo seswekile) simalunga ne 9% ukuya kwi 10%, intsimi sele ikulungile ukuvunwa. Oku kunceda nasekujongeni umbala ongaphakathi wesiqhamo uze wenze nohlolo lwencasa. Ezinye izinto ezibonisa ukuvuthwa kukoma kwesiqu kunye namagqabi akufutshane nesiqu sesiqhamo.

Konke ke oku kuthetha ukuba isiqhamo sivuthiwe kwaye asisafumani kutya. Enye indlela, sisandi esitsholo phantsi xa ubetha kancinci isiqhamo ngesandla sakh. Ukuhlolwa kwentsimi enye kuvamise ukwenziwa izihlandlo ezibini okanye ezintathu ngaphambi kokuba isiqhamo sivunwe. Vuna kwase kuseni kumaqondo obushushu apholileyo.

Ukugcinwa

Fudusela ivatala kwindawo epholileyo kanye xa uqgiba ukuvuna, okanye masinyane kangangoko unakho. Amaqondo obushushu endawo ezigcinwe kuyo kufanele zibeli 12°C ukuya kwi 14°C kuma 90% okufuma okuhambelanayo.

Ungayigcina ukufikelela kwiiveki ezimbini ukuya kwezintathu.

Izonakalisi

Aphids, Imibungu, Squash bugs, Silverleaf whitefly, Seedcorn maggot, Striped kunye ne Spotted Cucumber beetles.

Izifo

Anthracnose, Charcoal rot, Downy mildew, Fusarium wilt, Cercospora leaf spot, Phytophthora, Powdery Mildew kunye ne Gummy stem blight.Translated by Zizipho Silwana