Ulawulo Lokuxhalaba Lweenkukhu

© Chris Daly
Iinkukhu zikhangeleka zizilwanyana ezonwabileyo, kodwa kukhona izinto ezininzi ezinga zenza ukuba zixhalabe kwaye zizifake kwizifo ezinganyangekiyo.

Ukutya Namanzi

Ukutya yeyona nto ixhalabisayo ingakumbi xa kungalingenanga, xa kungafumaneki, kukhona ukhuphiswano lokutya, okanye izinto ezincinci zokutya, ezinye zisulungekile ezinye zirhabaxa, okanye ukutya oku kugcwele yityiwa. Zonke ezimeko azinaniphumela emihle ekutyeni, lonto ibanga ukuba iintaka ziphelelwe ngamandla wokumelana nezifo. Isondlo esibolileyo sinezinto ezibetyhefu kwaye engabamba ukukhululeka kweentaka.

Lonto iyenzeka naka iintaka zingesabelo samanzi awaneleyo, okanye xa amanzi etshisa kakhulu okanye ekwididi eliphantsi. Iqela lase Mzantsi Afrika elisebenze ngeeNkukhu lithi, ukumiwa akwenzi ukuxhalaba qha kodwa lomisa nemibombo yokuphefumla yentaka, lonto yenza ukuba izifo zingene lula. Amanzi amdaka nawo asongelwa ubomi beentaka kuba aphethe iindidi ezininzi zentsolongwane ezibangela izifo ezanza umzimba ubenkenenkene.

Izinto Zendalo

©Chris Daly

Ukukhanya nako kuya xhalabisa ingakumbi xa iintaka zingena xesha elimnyama elininzi lokuphumla. iWorld Health Organisation ithi, iintaka kufuneka zinikwe ixesha elide ukuba zikwazi ukuqhela ukukhanya okude kwasemini mayela namazinga amaninzi emveliso kunye nokutshintsha kwezibane zasemini ukuya ebusuku, kuphinde kukhanye ukuya kubumnyama bobusuku. Ukukhanya kufuneka bucace yonke indawo, kungabikho mabala amnyama, ukususa ukugcwala kwindawo ezikhanyo kakhulu.

Nalo lenza ixhala. Kuyafuneka ukuba umntu enze into ekrelekrele ngokukhetha inzalo ekwazi ukuhlala kwindawo ezishushu, njengezinye iindidi zenkukhu zemveli okanye i-naked necks, ukuba iintaka ziveliswa ngaphandle kwendawo etshisayo. Unakekelo olukhulu luyafuneka ukuqinisekisa ukuba iintaka zifumana umthunzi owanelelyo kunye namanzi ukuzikhusela ebushushwini obungamosha ukutya kwazo.

Ukuxhalaba ngenxa yengqele kuyiphatha ngendlela embi impilo yentaka, kuba imiphumela yenza intaka ifune amandla amaninzi ukuze ikwazi ukuhlala ishushu. Enye indlela yokubona ukuba iintaka zifumana ubushushu okanye ziyagodola, kukujonga indlela eziziphethe ngayo. Iintaka ezigodolayo zidibana zodwa ukuzigcina zishushu. Futhi zitya kakhulu ngaphezu kwesiqhelo ukufumana amandla ukuze zikwazi ukuzigcina zishushu.

Iintaka ezigulayo ngenxa yobushushu zithanda ukukhefuzela kwaye ziphefumla nzima. Ziphakamisa iimpiko zazo ukuze zisuke kwezinye iintaka ukwenzela ukuzigcina zipholille. Ubushushu obuninzi bungaxhalabisa kwaye kwenze iintaka zirhude, zixhuzule okanye ziguquke.

Xa ziveliswa kwizindlu zeenkukhu, imozulu ingalawulwa ngokunyusa okanye ukwehlisa amanqanaba emozolu kunye namaqonga okufuma. Inkathalo yoqobo kufuneka ithathiwe ukukhusela umoya omninzi okanye omncinci.

Icebo kukuzinika umoya olingeneyo ukwenzela ubumanzi bungene nangona sibaleka ukoma kwendawo. Ubumanzi obususwa kwindawo yokulala, bungenza umkhuhlane kwaye lonto yenza ingozi yezifo ezibamba umphefumlo.

Ukuvezwa Kwizifo Nakwizinto Eziza Nezifo

Ulawulo lococeko olungekho mgagathweni kunye nolawulo lwezinambuzane luyaxhalabisa, ngokuziveza iintaka kwintaka zasendle, iimpuku, kunye neempukane. Ezizilwanyana azihluphi iintaka kuphela kodwa ziza nengozi yezifo ezininzi kakhulu. Iintaka zingaxhalaba nazo kuba ziyagula. Ukususa okukuxhalaba nokukhusela imiphumela emininzi, iintaka kufuneka zinyangwe ngoko nangoko.

Indawo Yokuhlala kunye Nokumelana

©Chris Daly
Indawo nayo ibayingxaki xa iintaka zigcwele kakhulu, lonto yenza ukuba lubeninzi ukhuphiswano ingakumbi xa kutyiwa okanye kuselwa amanzi kuvele nolaka. Iintaka ziyaxhalaba nazo xa zibhaqiwe, zibanjiwe okanye zinyangwa. Abavelisi kufufneka babenendlela yokuphatha iintaka zabo ukuqinisekisa ukuza zikhululekile.

Iimpawu Zokuxhalaba

Ezi zilandelayo ziimpawu zeentaka xa zixhalabile:

Ulaka kunye nokuthanda ukulwa
Ukuxhwithana kweentsiba
Kutshintsha indlela etya ngayo – iintaka zitya kakhulu okanye kancinci kunesiqhelo
Iintaka ziyacotha
Ukwehla komzimba
Ukwehla kwemveliso yamaqanda
Izifo

Translated by Aviwe Damane