Ukusengwa Kweebhokhwe Zobisi

© Chris Daly
Imveliso yobisi lwebhokhwe yenyuka ngenyanga yokuqala okanye eyesibini emva kokuzalisa iibhokhwe. Colostrum, ubisi lokuqala olusuka ebeleni, lubaluleke kakhulu ekuqiniseni impilo ye takane. Amatakane angasuswa komama bawo emva kweveki aze ancanciswe bucala, kwi litha nje enye ngosuku, nezinye izinto ngaphandle kobisi ziyasetyenziswa. I bhokhwe i- Saanen inokuvelisa iilitha eziyi- 1 200 zobisi ngesithuba esingangeenyanga ezilishumi. Ubomi bokuvelisa kwibhokhwe kuxhomekeke kwisakhono sayo sokuzala, ubisi enalo, izifo (ithanda ukuphathwa yi-Mastitis), nakwisimo somzimba njengokomelela kwamabele kunye nemilenze eyomeleleyo.

Izixhobo Zokusenga iBhokhwe

©Gavin Cressley Fire Fly Farm.J
Xa usenga ibhokhwe udinga indawo ecocekileyo yokusengela, amanzi kunye ne pheyile elicocekileyo ziyadingeka. Umgangatho wokusengela nawo ungathengwa. Ukusenga kumele kubengumsebenzi ongayiphazamisiyo ibhokhwe - ziphe ukutya njengokuba uzisenga. Iibhokhwe zobisi kufuneka ziphathwe ngokuthantamisa kwaye ngenkathalo. Ukusenga ngesandla kuyadina umsengi angadinwa kakhulu ukuba kufuneka asenge iibhokhwe ukugqitha kwii yure ezimbini.
Cinga ngokuthenga umatshini wokusenga kodwa uqaphele nguthenga umtshini, ozokuthi kungekudala ubemncinci kakhulu. Ubisi kufuneka lipholiswe kwamsinya lufike kwiqondo lobushushu u-4°C. Xa unobisi oluninzi kufuneka ucinge ngokuthenga I tanki lokupholisa elikhulu ngokwaneleyo ukuze kubenokugcineka nemveliso ekhulileyo ye xesha elizayo.

Ucoceko Lobisi

©Chris Daly
Nakulo naluphi na ubisi, ucoceko yeyona nto ibalulekileyo. Ubisi kumele luhlale lucocekile nakanjani kwawye kufuneka lupholiswe lugcinwe kwiqondo lobushushu u - 4°C. Kusoloko kukho ii bhaktheriya kubisi olukwrada, ke imigaqo yococeko kunyalekile ilandelwe.Ukuba ubisi alugcinwanga lubanda (ngaphantsi kweqondo obushushu u - 4°C) i-bhaktheriya isasazeka kwamsinya luze ubisi lumoshakale.
Eyona nto ibalulekileyo kukulufudumeza ubisi ukuze ngoluhlobo ubulale nayiphi na i-bhaktheriya enokuba kulo. Akunyanzelekanga ubisi lude lubile kuba oku kuzokutshintsha incasa yobisi. Kodwa, ukuba lugcinwe kwiqondo lobushushu u – 63ºC ngemizuzu engamashumi amathathu, i-bhaktheriya izokubulaleka, kodwa incasa kunye nesondlo azitsintshi kwaphela. Lenkqubo ibizwa ngokuba yinkqubo yokubilsa ubisi (pasteurization). OmatsHini bokubilisa ubisi belixesha langoku abilisa ukuya kwizinga lobushushu u-73ºC ngemizuzu elishumi elinantlanu.

Iinkonkxa Zokugcwalisa ubisi Lwebhokhwe

Kufuneka zithengwe kwindawo enemeko enyuma kwaye aziphinde zisebenziseke. Ubisi olufudunyeziweyo lunga galelwa kwi plastiki okanye iibhotile zeglasi ezinyumba futhi zitywinwe ngezivalo zohlo lwentsimbi ye foyile okanye iziciko ezijijwayo. Ubisi olufudunyeziweyo lungagcinwa kwiisatshethi ezinyumba okanye kwiikhadibhodi eziqatywe amafutha. Ubisi oluncinci lunga galelwa ngesandla, kodwa oluninzi ludinga ukugalelwa ngomatshini.

Translated by Aviwe Damane