uKuqhwalela kwi Hagu

©Glenneis Kriel
To identify foot and back problems, farmers evaluate pigs while they are walking and moving.
Ukuqhwalela kwe hagu yingxaki enkulu kwimveliso yeehagu. Iintlungu ezenziwa kukuqhwalela zingenza kubenzima okokuba ihagu ikwazi ukuhamba xa kufuneka ziyotya okanye ziyokusela amanzi, kwaye ngenxa yoko zingakhuli kakuhle, intlala kahle yazo ingabintle futhi zibe nomvandedwa konke oku kwenza kube lula ukufumana izifo.
Ukuqhwalela kuchaphazela imveliso kwaye ichongwe njenge sizathu sesibini esikhulu, emveni kweengxaki zemveliso ezenza okuba iimazi zixhelwe zisencinci.

uKubona Iingxaki

©Glenneis Kriel
Evaluate pigs that struggle to get up or remain lying down for problems.
Ngokwencwadi yemveliso yombutho we South African Pork Producers’s Organization (SAPPO), Pigs for Profit, kuchaza ukuqhwalela, ukuhamba nzima, iihagu ziphakamisa olunye unyawo, ihagu ezingakwazi ukuphakama okanye ezingafuni ukuphakama okanye eziphakamisa imiva kunye nokudumba kwamalungu okanye abeshushu xa uziva zezona mpawu ezichaza okokuba ingxaki ikhona.
Ukuqaphela iingxaki zenyawo, imilenze kunye nomqolo, amafama kufuneka akhuthaze zonke iihagu ziphakame ze ajonge indlela ezihamba ngayo nezishukuma ngayo. Kufuneka kuqhatshelwe ezi ziqala zilale phantsi kuqala.
Iinyawo zehagu kufuneka zihlolwe rhoqo ukubona okunga qhelekanga. Iihagu zine nyawo ezincinci nemizimba emikhulu, kulula ke ukuba iinyawo zibe buhlungu okanye zilimale, ingakumbi xa zimithi okanye zine mizimba emikhulu kakhulu kwezinye. Izifundo zophando zibonakalise okokuba iimazi zichaphazelwa ziingxaki zenyawo, kufuneka unyango kwangethuba ukuthintela iingxaki ezinobuzaza.
Umbhalo kwi Pig Site othi Lameness in Pigs uchaza okokuba amafama anikeza iimazi amanqaku okuhamba ukususela kwiqanda (0) ukuya kwisithathu (3), ngendlela yokuhamba lula kwindawo ecocekileyo, eyomileyo, elinganayo, eqinileyo. amanqaku angu (0) achaza okokuba akukho kuqhwalela, logama inqaku elingu (1) lichaza izilwanyana eziqhwalela kancinci, ngamanye amagama, ezihamba ngoku ngenaxhala, kodwa zikhangeleka ziqhanile.
Amanqaku asisibini (2) asetyenziswa kwi mazi eqhwalela kancinci. Iye isebenzise imitsi emincinci okanye iqhwalele, kodwa isindeke ngamalungu aqhwalelayo. Isithathu (3) sisetyenziswa kwimazi eqhwalela kakhulu, kwaye engena bunzima kumalungu achaphazelekayo kwaye edinga uku khuthazwa ukuze ihambe.

uNobangela

©Glenneis Kriel
Evaluate the feet of pigs to identify lesions and sores before they cause serious problems.
Nangona ukuqhwalela kungenziwa lufuzo okanye ukukhubazeka ekukhuleni, ngoku qhelekileyo yenziwa zintlungu ezino suleleko, ukothuka ngenxa yokonzakala okanye izifo ezingaziwayo. Ngokwe Pig Site ogqirha bezilwanyana bacebisa okokuba amafama abeke itreyi enomuncwane owomileyo kwindawo ecofwayo yokutyisa iimazi ukuze zime xa zisitya.
Umuncwane uyoma ancede ukuba iinyawo zingabine zifo rhoqo xa zingena esitishini, oku kunganceda ukuthintela ukuqhwalela okwenziwa lusuleleko lweenzipho.

Translated by Zikhona Plaatjie