Ukukhulisa Amazimba

©Rik Schuiling TropCrop-TCS
Amazimba sisityalo esikhulayo esifuna iindawo ezishushu ukuze sikhule,sande, kodwa ke ubushushu obu phezulu buyasehlisa isivuno. Ubushushu obungu 27 ukuya ku30 degree celcius kuyafuneka ukuze akhule kakuhle kwaye isimo sezulu esibanda kakhulu singasonzakalisa esisityalo. Amazimba awafuni kunkcenkceshelwa kodwa kufuneka atyalwe kwindawo efumileyo. Akhula bhetele kunombona kwi mbalela. angalinywa ajikeleziswe nesivuno sembotyi (esinje nge cow peas) azuze kwi nitrogen enikezwa zimbotyi.
Aamazimba akhula kwindawo ezine mvula ephezulu kunye nendawo ezine mvula encinci kufuneka kutyalwe Phakathi ko 2.5 cm (umlinganiselo womwe kumlaba oxineneyo) ukuya ku 5cm (kumhlaba onesanti) ukuya ezantsi. Amazimba ayazinyamezela izingcolisi kwaye akhula kumhlaba onongcoliseko onokubulala izityalo ezininzi. Amazimba awaydibani neentsholongwane ezinokwenza imveliso ibencinci nomgangatho ongaphucukanga, kodwa ke ingalawulwa ngokusebenzisa imbewu engena zifo nezilimo ezomeleleyo. Wajonge amazimba kwi Chilo borer, maize stalk borer, aphids, ne bollworm.

Ukuvuna Amazimba

Ukufaka izilwanyane zidle yeyona ndlela ingabiziyo yokuvuna ukutya – izilwanyana zingazinceda! Ukuvuna ngomatshini kungcono ukuvuna amazimba ukuze atyiwe, kodwa xa kuvunwa ingqolowa yona ingavunwa ngesandla iintloko zomiswe phantsi okanye esixovulelweni. Xa isityalo sonke sisikiwe, yiyeke entsimini ivuthwe iintsuku ezili shumi ukuya kwishumi elinesine (10-14) uyixovule ukuze kwahlukane imbewu ku kumaqokobhe nje. Imbewu kufuneka ilungiswe – ukuyicoca ematyeni, isinambuzane nezinye zingcolisi – phambi kokuba ipakishwe. Gcina yomile, iqiniswe ibekwe kude kwizilwnayana nezinambuzane. Imveliso eluhlaza ingatshintsha ukususela ku 20t/ha ukuya ku 75t/ha kwimeko zezulu ezilungileyo. Ingqolowa ye sorgum icalulwa ngokwe zinga loku didiyeleka kwayo kwaye iyafumaneka njengo kutya, isidudu, okanye umqombothi.

Translated by Zikhona Plaatjie