Ukondla Imivundla

© Karoline Steenekamp

Noba yeyiphi indlela ofuna ukondla ngayo imivundla yakho, kubalulekile ukusebenzisa yona rhoqo. Yondle ngexesha elinye yonke imihla, kodwa kungcono ukuyityisa kabini ngemini kunokuyityisa kanye.
Qinisekisa ukuba konke ukutya kusemgangathweni kwaye akubolanga okanye akungundanga. Apho kukho imivundla eliqela kwi kheyji, qiniseka ukuba yonke iyatya ngokukhululeka ngaxesha nye. Izitya zokutyela kufanele zibemxinwa ukuqinisekisa ukuba akho mvundla onokuhlala phezu kwazo lula kwaye kufuneka zigcinwe zicocekile ngalo lonke ixesha. Ungaze utshintshe ukutya isiquphe.
Endle imivundla itya oko kukhoyo ngokwexesha lonyaka. Amaxesha onyaka atshintsha kanci-kancinci kwaye kwatshintsho ekutyeni kufuneka luqalwe kancinci.

Amanzi

Amanzi kufuneka ahlale ekhona ngalo lonke ixesha kwaye ahlale ecocekile. Ukuba ikhona indlela esetyenziswa ngaphandle kwe nipples, ezi zitya kufuneka zingabina algae kwaye zihlanjwe rhoqo.

Ingca Eyomileyo

Ingca eyomileyo isisidlo esibalulekileyo ekutyeni komvundla kwaye kufanele ihale ikhona ngalo lonke ixesha. Ingca eyomileyo ingenziwa ngeendidi ezahlukileyo zengca eyomileyo ezifana ne teff, eragrostis, red orchard grass, oats kunye noniniz lwengca encinci. Umxube wengca ungatyalwa ndawonye ukunika incasa eyahlukeneyo.
Iiherbs ezifana ne parsley kunye ne stinging nettles nazi zingafakwa kulo mxube. Ioat hay isisidlo esilunge kakhulu kodwa akufunekanga inikwe amathokazi asezakuzala.
Ukuba ioat hay ifakwe kwindawo yawo yokufukamela, imbewu ye oat inga gqabhuza izisu zamantshontsho iwabulale. Ingca eqinileyo eyi thatsch inezongo ezimbalwa kwaye ayinancasa ngoko kw ayibalewa njengesidlo.
Lengca kufanele igcinwe endaweni eyomileyo nepholileyo. Imouldy hay inobungozi kakhulu kwaye kufanele ikhathalelwe ngeyona ndlela ukuyigcina ilungele ukutyiwa yimivundla.

iLucerne

iLucerne izele zizinongo ze proteni kwaye kufanele isetyenziswe njengesidlo se proteni ingasetyenziswa njengokutya kwe proteni. Ine proteni eninzi, ngoko ke eninzi inokubangela ukuqunjelwa.
Zininzi iinndlela zokutya I lucerne. Inganikwa imivundla injalo kwaye kufuneka iqalwe kancinci kanye emva kokusikwa kwaye inencasa yaye iyadlamkisa. Ilucrene eshwencileyo ingabangela ukuqunjelwa kwaye ingawubulala umvundla. Kodwa ke, emva kwe yure utyisiwe umvundla zonke ezishiyekileyo kufuneka zikhutshwe kwindawo ehlala imivundla zifakwe kwingqikelela yomgquba.
Ilucerne inganikwa imivundla yomile. Kuba ubuninzi bokutya vusemagqabini, kungumbono omhle ukubeka I lucerne phezu kwe khalbhoti okanye ugalele esityeni. Amagqabi omileyo angasetyenziswa.
Amagqabi omileyo awa lula kwaye yinkcitho lena ebiza kakhulu. Indlela eyiyo yokutya ilucerne kukuyinqunqela esityeni esingenanto esicocwa rhoqo. Izitya ze lucerne zikhona kuzo zonke indawo ezithengisa ukutya kwezilwanyana, nezithengisa ukutya okuluhlaza.
©Karoline Steenekamp

iiConcentrates

Ipellet ezi concentrated ezine proteni ephezulu ziyafumaneka kuzo zonke iivenkile ezithengisa ukutya kwezilwanyana, noxa zibiza kakhulu nje. Iipellet azidingeki kwindawo efuye imivundla embalwa nejolise kukhuseleko lokutya kunoku velisa amanani aphezulu lentengiso yangaphandle okanye imakethi yodidi oluphezulu.
Bekufanele imivundla inikwe umlinganiselo ombalwa wee pellet ze zilandeliswe ngengca eyomileyo okanye uhlaza oku kuqinisekisa ukukhula okukuko nokusempilweni kwamantshontsho. Umlinganiselo we pellet buxhomekeka kwimgangatho wengca okanye wohlaza kodwa malunga nama 80 gm (malunga netoti ye tuna) umvundla ngamnye ngosuku. Kungaqalwa ngalomlinganiselo.

Uhlaza

Ngaphandle kwegadi yemifuno ne herb, ukufuywa kwe mivundla akungeze kubeyimpumelelo. Uluntu kunye namafama afuna ukugcuna imivundla njengenyama ukondla usapho lwawo kufuneka abenegadi ehoyiweyo yemifuno.
Le gadi kufuneka ivelise imifuno emininzi unyaka wonke. Akukho xesha enyakeni apho le gadi ingazukwazi ukufezekisa izidingo zabantu kunye nezezilwanyana ezixhomekeke kuyo ukuze ziphile.
Eminye imifuno inethyefu kwaye akufanelanga ityiswe imivundla. Le mifuno iquka izityalo zee tapile, itamati kunye ne rhubarb. Amathanga, isquash kunye nezityalo ze melon nazo aziyilungelanga imivundla.
Imifuno eyilungeleyo imivundla yiminqathe, ispinatshi, ikale, marog (neyaziwa njenge spinatshi sasendle), amagqabi ecauliflower kunye nentloko ze cauliflower ezongezelelekileyo, broccoli kunye ne beetroot.
Ukuba awuqinisekanga ngemifuno emitsha, qala unike imivundlo intwana encinci nokunye ukutya oyaziyo ukuba uyakuthanda. Umvundla uzakuyeka oku angakufuniyo ukutya ngaphandle kokuba ulambe kakhulu (nto leyo kufuneka ingaze yenzeke).
Iherbs zibalulekile nazo njenge ngxenye yemifuno. Azikokutya qha, zikwangawo namayeza endalo. Jonga ihlelo le Mpilo, ubone ukuba zeziphi iherbs eziyilungeleyo imivundla.

Translated by Zizipho Silwana