uDr.Peter Magubane negxwaba ngxwaba zase Soweto

© Dr Peter Magubane

umhla we June 16 ucace gca, mhlophe namnyama

Umhla weshumi elinesithandathu (16) kwinyanga ka June ngonyaka ka 1976. Ekusondeleni kolusuku, isiqhelo sesi dumile kwaye nemipapasho sele ipapashwe jikelele njengomlilo ongabonakaliyo. Ulutsha olumnyama ke luyayibamba imfihlelo ingaphumi. Nditsho nkqu ootitshala nabazali babengenalwazi ngoluqhanqalazo lucwangcisiweyo.

Ilizwe liyakothuka ngalentsasa yemini ebanda Kunene njengoko indaba zivela malunga no qhanqalazo lwe mfundo ye Bantu no lwimi lwesibhulu iAfrikaans njengendlela yokufundisa. Iqala eSoweto, inonele eAlexandra, ze kulandele iPitoli (Eyaziwa nge Tshwane ngoku), umlilo woqhanqalazo uyanda. Ngethuba iintatheli zingavumelekanga ukungena eSoweto, uDr.

Peter Magubane sele engaphakathi nezixhobo zakhe. iJoni eline khamera. Ekudeni ubona umsi omnyama ongaqondakaliyo lo ke uchaza okokuba kuninzi okuqhubekayo emhlabeni. Uyahamba hamba ke phakathi kwezindawo. uDr. Magubane unemifanekiso ye 16 June ukogqitha bonke abafoti. Imifanekiso emnyama namhlophe yabantwana besikolo bebaleka imvula yeembumbulu ezazidubulela ukuba bulala. Imvakalelo ezahlukileyo zokoyika noku khululeka zibonakala ebusweni.

Lixesha lokujika izinto kwilizwe lobukhoboka , lashicilelwa unaphakathe yi khamera ka Dr. Magubane.

Elubala: ukufa kwenginginya zabantu ngexesha lengcinezelo

Mini ithile, xa uDr.Peter Magubane wayesaku shicilela olu qhanqalazo luqhubekayo, amapolisa ayamhlasela lomfoti, aphula impumlo yakhe. Amxelela okokuba maka veze oku akushicileleyo elubala, atshabalalise imifanekiso. uPeter wayexhalabele ukuphulukana nale mifanekiso ngaphezulu kobuso bakhe obabugcwele ligazi. Ilizwe kufanele libubone okuku khohlakala, ukukhohlakala bempambano lobandlulo lushicilelwe kwihlelo lomabona kude.

Ekupheleni kwalanyaka, xa amapolisa ehlokoloza abahlali bakwi Hostele yase Mzimhlophe okokuba bahlasele abahlali base lokishini, uPeter usebenza ubusuku bonke eshicilela lomlo. Xa egqithe ikhaya lake eDiepkloof, endleleni eya kwi ofisi zephepha ndaba, ubona ikhaya lakhe lingama dangatya omlilo.

Uziva engena mandla xa ubona isakhiwo siqhekeka emhlabeni. Kwakhona ngo August ngo 1976, uyavalelwa intsuku ezilikhulu, amashumi amabini anesithathu (123) kunye nabanye onondaba abamnyama – Elinye iphulo elingaphumelanga ukumvalela okokuba angavezi ukukhohlakala kwexesha lengcinezelo.

Imifanekiso ishicilela imvelaphi

Ngamanye amaxesha umsebenzi ka Magubane, ubunyathela inzwane zabantu, Xa efumana ukoyikiswa, uye athi ngokuzithemba, ‘ andizithathi izoyikiso’! uyindoda enenkani , ebano msindo xa izinto zingamhambeli ngendlela yakhe. Abantu abaninzi bazifumana bethobela igunya lakhe.

Kodwa ke, ekugqibeleni uye wamelana norhulumente ophetheyo ngelaxesha, kwaye akashukumiseka. Ayikho ke into enokoyikisa uPeter Magubane. Kubuhlungu ukubuyisa okwa gqithayo, kodwa yena ukwenza konke oku ngomoya omhle. ‘ixesha elininzi emsenzini wam bendibona abantu besokola, abanye besifa ‘, kodwa imifanekiso iza kuqala.

Bendizibuza ke xase ndiwenzile umsebenzi,xa ndifika endlini ndizibuze, “ yintoni le uyenzayo” ? kodwa kwintsasa elandelayo, bendibuyela esitalatweni ne khamera yam esandleni. Wayekhuthazwa yinkolelo yokuba ‘ilizwe lizakuphendula’.