Sweet Prickly Pear
Itolofiya

© Louise Brodie

Igama

Itolofiya

Igama lesi Latin

Opuntia ficus-indica

Inkangeleko

Umthi omncinci onambithekayo oneziqu ezithe phecelele.ezinameva. Esi sityalo asinamagqabi. Ikwa sisityalo esigqiba amanzi, nesisuka kumbindi welizwe lase Melika. Iziqhamo zaso zimile okwesiqhamo se plam, zinameva kwaye ziyatyiwa.

Apho Ikhula Khona

Itolofiya ikhula kulo lonke eli loMzantsi Afrika. Sele inwenwe mpela ngokuye kuhamba iminyaka, emveni kokuba yathathwa kwilizwe lase Mexico.

Amanqaku ongezelelweyo

Itolofiya yenye yezona zityalo zisetyenziswayo eMzantsi Afrika, kuluhlu lwezityalo ezigqiba amanzi. Kangangokuba uninzi sele lukholelwa ekubeni esi sityalo siyinzalelwane yalapha eMzantsi Afrika.
Itolofiya kuye kuye kubiyelwe ngayo imfuyo yasekhaya-Ikwasetyenziswa nasekondleni ezi zilwanyana. Uninzi lweefama zase Mzantsi Afrika lubiyelwe ngemithi yetolofiya.
Esi siqhamo sikwasetyenziswa ukwenza ijem, kunye neendidi ezohlukeneyo zeziselo. Kwiingingqi ezininzi, ezisendle, esi sityalo sibonwa njengesonakalisi. Kwaye kuthathwa amanyathelo athile ukusitshabalalisa.