Sharpe's Grysbok
Ingxungxu

© Nigel Dennis

Igama

Ingxungxu okanye Ingxungxu yase Mntla [Raphicerus sharpei]

Inkangeleko

Ingxungxu inentloni futhi incincane kune ngxungxu yase Koloni, inomzimba ongqindilili iphinde ibenesikhuma esibomvu-mdaka. Ima pha kwi 500mm emagxeni iweyisha i-kilogram ezisibhozo xa indala. Umxube wayo wombala omhlophe nabomvu-mdaka apha ezinweleni zasemva nasemacaleni wenza ukuba oluhlobo lungaqheleki ngembonakalo. Iinkunzi zodwa ezinempondo, ezingange 60-100 ngobude.

Itya ntoni

Ingxungxu ithanda ukukhangela ukutya, itya amagqabi, izihlahla kunye mithi. Ingxungxu ithanda ukutya ingca, iziqhamo kunye neetyatyambo xa zikhona. Isivuno naso siyathathwa ebusuku.

Ukuzala

Amathole eegusha ayazalwaemva kwexesha lokumitha elithatha iinyanga ezisixhexe. Ngenxa yemvelo yayo ethanda imfihlo, okuncinci kubhaliwe ngemikhwa yesisilwanyana.

Isimilo

Ingxungxu ithanda ukuhlala yodwa, iyangqengqa xa kushushu emini iphinde ikhangele ebusuku nase kuseni.

Zifumaneka phi

Ingxungxu iyafana nkenkangeleko kunye nendawo yokuhlala nolunye uhlobo lwase Koloni, kodwa ke iyafumaneka pha kumntla-mpuma we Mpumalanga pha kwiintaba zase Lebombo. Isimo solondolozo lwe Ngxungxu alwazilwa, kodwa lona luhlobo olunqabileyo.

Amanqaku asendle

Iinkunzi neemazi zona zinendawo zazo ezingaxhomekekanga kwezinye futhi ziphawula iindawo zazo ngobulongwe. Ingxungxu ikhe ibonwe emigodini ehlala i-Sambane.