Malbec

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iMalbec ngumdiliya we wayini osetyenziselwa ukuvelisa iwayini ebomvu. Idalwe ngokudityaniswa indidi zakudala zemidiliya, Prunelard noir kunye ne Magdelaine noire des Charentes.

Imvelaphi

Kubonakala ngathi imvelaphi yale lendidi yomdiliya ise Cahors, eFrance, kwaye yayikade isesona sityalo somdiliya sityalwayo kulo lonke elo mzantsi-ntshona le France ngamaxesha akudala (Middle Ages). Imihlaba ephangaleleyo yatshatyalaliswa ngethuba kuvela isifo se Phylloxera phakathi kweminyaka ka 1875 ukuya ku 1889, kwathi emva koko lemidiliya yangenelelwa zezinye indidi zemidiliya endaweni yayo.

Neyayi kwazi ukumelana nesisifo, yabe isuswa kwelase Melika ukuze imelane ne phylloxera. Iingingqi eyayiphantsi kwemveliso ye Malbec yathwaxwa yiqabaka emmandla ngonyaka ka 1956, nto eyabangela abalimi abaninzi, ngaphandle kwase Cahors, ukuba bayeke ukuwutyala lomdiliya.

Baze batyala ndidi zimbi ezithandwayo ngeloxesha, ezifana ne Cabernet Sauvignon kunye ne Merlot. iMalbec yanikwa ubomi besibini e Argentina, xa u Domingo Sarmiento, nowayengumphathi we Mendoza ngeloxesha, waze waba ngumongameli wase Argentin, waqasha umlimi wom French, u Miguel Pouget ukuze azise izityalo zalomdiliya ezithatha eFrance.

uSarmiento wayefuna ukwakha ushishino lwe wayini e Argentina, oku kwakuphambi kokuqhambuka kwalobhubhane we phylloxera eFrance. Oku ngumnqa kukuba owona mthana wawuthathwe e France awusafumaneki eFrance. Lo gama ama French asokola ukuvelisa iMalbec, lomdiliya wachuma kwindawo ezifudumeleyo zase Argentina.

Oku kwabangela ukuba eli lizwe ibelelona luhamb phambili ekueliseni oluhlobo lomdiliya. Ekuqaleni, uninzi lwe wayini lwaluselwa kwelilizwe, kodwa ngezithuba zasekuqaleni kweminyaka ka 2000 eli lizwe lazimiselwa ekuthengiseni le wayini kumazwe angaphandle. Kwaye laza namaqhinga okuphucula umgangatho we wayini ethengiswe ngaphandle. iMalbec yaze yaziwa ngengomdiliya obomvu omele iArgentina.

Amanye Amagama

iMalbec kufumaniseka ukuba yayixhaphakile eFrance ngeminyaka yakudala (Middle Ages), Kangangokuba amawaka amagama aqanjelwa yona. Awona axhaphakileyo nganga: Auxerrois, Côt, Malbec, Noir de Pressac, Peid-Roughe kunye ne Pressac.

Imveliso eMzantsi Afrika

Nangona iMalbec yatyalwa eStellenbosch nase Paarl ukususela ngeminyaka yo 1920, yaqala ukwenziwa njenge wayini engangxengwanga neminye imidiliya ekuqaleni kweminyaka yo 1990, ngumzi mveliso we wayini obizwa nge Backsberg Estate Cellars, nophakathi kwe Paarl kunye ne Stellenbosch.

Iingingqi Eveliswa eMzantsi Afrika

Kubonakala ngathi udumo lwe Malbec luya ngokukhula e Mzantsi Afrika, ingingqi ephantsi kwemveliso yalomdiliya inyuke ngegcuntswana nje lwama 40 ha ngeminyaka yo 1990, ukuya kwisibalo esingama 450 ha ngonyaka ka 2016. Lomdiliya ufumaneka kuzo zonke iindawo ezityala imidiliya kweli lizwe. Ze yona I Swartland, Paarl kunye ne Stellenbosch zibe zeziphala phambili ngesiqingatha esinekota.

Ukukhula

Lomdiliya uyachuma kwaye uyanaba indlela okhula ngayo. Imveliso ibaphakathi kwe 10t/ha ukuya kwi 14t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa phakathi ngexesha lokuvunwa. Ukuqala ekupheleni kwenyanga ka Februwari.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya amnyama, arawndi kwaye aphakathi ngokomlinganiselo. Ixolo lipecepece kwaye lomelele, logama inyama yangaphakathi inamanzi amaninzi.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
Amagqabi aphakathi ngokomlinganiselo, anombala oluhlaza ocacileyo, arawndi ze abenamacala amathathu.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya ufunyanwa lula kukungunda okungathi ngumgubo.

Imisebenzi

iMalbec isetyenziswa kakhulu ukuvelisa iiwayini ezingaxtywanga nezinye okanye ukufaka umbala nencasa kwezinye iwayini. Isetyenziswa kakhulu kwimixube yohlobo lweBordeaux kunye nezinye iindidi ezifana ne Cabernet Sauvignon, Merlot, Cabernet franc or Petit Verdot.

Incasa

Lomdiliya unencasa zeziqholo zamaqunube, ezifana ne plam,amaqunube amnyama, ijuniper, icherries kunye tshokholeythi ekrakrayo. Kubonakala ingathi ivelisa inkcasa ezicacileyo xa ikhuliswe phantsi kwemeko ezithambileyo.Translated by Zizipho Silwana