iSpinatshi

© Louise Brodie
Igama ngoko bu nzululwazi: Spinacia oleracea Igama eliqhelekileyo: Ispinatsi, ispinatshi sokwenene, umntwana we spinatshi

Inkcazelo nge Sityalo

Isityalo esinamagqabi afukufuku, amagqabi akhazimlayo, ayi 25 ukuya kwi 30 cm ubude no 10 ukuya ku 20 cm ubububanzi. Amagqabi aqala abe mpuluswa engqukuva xa engeka vuthwa, kodwa xa siye sikhula amagqabi aye abe made, abengqindilili.

Imisebenzi Yaso

Amagqabi ayaphekwa atyiwe, la asemancinci awetyenziswa ekwada kwi saladi. Amagqabi ayakwazi nokumfaxa ngwa enziwe isiselo. Sinikeza ezi zakha mzimba ezilandelayo: Vitamin A, B1, B2, niacin, ne calcium. Siyakwazi ke noku nkonxwa ispinatshi.

Imfuneko Zomhlaba na Malungiselelo

Siyatyalwa kwintlobo ezininzi zomhlaba, kodwa sikhula kakuhle kakhulu kwindawo ezine santi ukuya kumhlaba obukuxinana ekhanyiweyo kwaye ene pH ephakathi ko 6 no 6.8. Yongeza iphosphates no mgquba kangexesha phambi kokutyala usebenze kulo mhlaba ungaphezulu.

Isimo seZulu

Ispinatshi singa khula kakuhle kwisimo esahlukileyo sezulu phakathi ko 5 degrees celcius ukuya ku 25 kodwa siqhuba kakuhle kakhulu ku 14 ukuya ku 18 degrees celcius.

Esisityalo asimelani ne ngqele egqithisileyo ngokungaphantsi ko 5 degrees celcius okanye ubushushu obungapa ko 30 degrees. Nangona esisityalo singa nyamezela ikhephu kancinci asikhuselekanga ncam kwikhephu. Ubushushu bulibazisa ukukhula. Sisityalo esithanda isimo sezulu esipholileyo.

Izilimo

Regiment, Bloomsdale, Tyee, Catalina, Idian Summer, Space, ne Red Cardinal.

Translated by Zikhona Plaatjie