ISpider Plant: Ekukutya kunye Nesikhuseli Zityalo

© Ton Rulkens
The leaves and growth tips are the best bits of the Spider Plant to eat.

Ukutyiwa kwe Spider Plant

Kwi Afrika iphela, amasebe, amagqabi (maxa wambi neentyatyambo) ziye zityiwe, zibiliswe ngengesidlo esinenyama, sidityaniswe okanye ibe sisidlo esisecaleni. Maxa wambi amagqabi avakala ekrakra ze aphekwe kubisi, idityaniswa nokunye ukutya okanye neminye imifuno enamagqabi atyiwayo efana nama gqabi ecowpeas, iblack nightshade okanye i-amaranth. eZambia, igroundnut ezicoliweyo (okanye ibhotolo yamandongomane) iyadityaniswa ukwenza incasa.
Amagqabi afakwa emanzini abilisiweyo, agotywe abezibhola emveni koko zomiswe elangeni zigcinwe ukuyokuma kwiminyaka emibini, kodwa ke oku kuhlisa izinga lezinongo. Xa kufuneka amagqabi omileyo, amanzi ayadityaniswa ukwenza amagqabi afume phambi kokuba aphekwe. Ukubilisa amagqabi kwehlisa isakha mzimba uvitamin C, ngama 81% nesakha mzimba uvitamin A sehla ngama 95%.
Inkozo ze oli ezityekayo zehlulwa ngokumfaxanga iinkozo ze spider plant. Le oli inayo ne oli engagqibelelanga, efana ne mustard oil. Le oli ibalulekileyo iyafumaneka nakumagqabi kwaye yiyo ezisa ivumba nencasa kulomfuno. Intsalela zekhekhe ezenziwe ngezinkozo zingatyiswa izilwanyane. Iinkozo ezipheleleyo zityiswa iinkukhu nezinye iintaka. Iinkomo, amahashe nezilwanyana zasendle zidla emadlelweni apho ispider plants zizikhulela khona kwaye amagqabi anikezwa imfuyo itye.
Ulwazi lwemveli lucebisa okokuba ispider plant ikwa lichiza lokunyanga - umxube wama gqabi angakwazi ukunyanga isifo sekhwekhwe. Kwezinye iinkcubeko, ukutya amagqabi eSpider plant kukholelwa okokuba kunikeza Amandla, komeleza amehlo nokubona, kwaye ke inyanzelekile okokuba ityiwe ngabantu ababhinqileyo abakhulelweyo.
Ingcambu ebilisiweyo yaziwa ngoku nyanga umkhuhlane, logama incindi yengcambu ipholisa ulwamvila lomodadudwane. Amagqabi agutyiweyo abekwa kwindawo ezibuhlungu (ngenxa ye sifo samathambo) namathumba. Incindi yamagqabi kukholelwa okokuba inyanga indlebe ebuhlungu, umalaleveva oquqa ebuyelelea kunye nesifo soxhuzula.

iSpider Plant njenge Sityalo Esikhusela Ezinye

Njenge sikhuseli sezinye izityalo, kuqapheleke okokuba iincukuthu azifumaneka kwindawo ene spider plant logama ukukhupha isivuthisi i-ethanol kwi spider plant inobungozi kwii nkumbi ezifana ne diamondback moth (umnyiki ofumaneka kwi khaphetshu) ne rhorho eyi (Bagrada hilaris).
Intwana yamagqabi we spider plant igxotha iintwala neentothoviyane, logama ukudibanisa ispider plant nekhaphetshu kusaziwa ngokwehlisa iminyiki idiamondback kunye nohlaselo lwee ntothoviyane. Ngokufanayo, iimbotyi zamafrentshi ezidityaniswe ne spider plant azichaphazeleki kwintothoviyane ezifumaneka kwizityalo. iSpider plants ngamanye amaxesha zityalwa ngenjongo yokwehlisa ired spider mites kwi zindlu ezijongene nobushushu bomhlaba eKenya.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie