iRosemary

©Louise Brodie

Igama le Sayensi: Rosmarinus officinalis
Igama eliqhelekileyo: iRosemary

Imvelaphi ye Rosemary ise Mazantsi Europe.

Inkcazelo ngeSityalo

Isityalo se rosemary siqinile kwaye sikhula sifikelele kubude obuzi mitha ezimbini. Esi sityalo lihlahla elihlala liluhlaza kwaye amaxolo esiqu angwevu anamaqweqwe. Esi sityalo sinamahlahla amaninzi asemacaleni nalapho kukhula amagqabi atsolo. La magqabi aluhlaza ocacileyo ngombala aze akhanye kancinci ngaphantsi. Iintyatyambo ezikhula kwincam yezihlahla aluhlaza wesibhakabhaka ngombala, kwaye akhangeleka eceke cekana.

Imisebenzi

Rosemary ingomiswa okanye isetyenziswe isemanzi njenge siqholo kwizidlo ezininzi. Omnye umsebenzi wayo kukuvelisa ii-oli zokuthambisa. Iintyatyambo zayo zinawona mafutha akwizinga eliphezilu kwaye zikhupha ivumba elipholileyo nelinuka kamnandi okwe camphor. Esi sityalo sonke sivelise i-oli kodwa engaphumi kwiintyatyambo yona inevumba eliqolileyo le camphor.

Imfuno Zomhlaba kunye Namalungiselelo

iRosemary ikhula kakuhle kwimihlaba enesanti nekwaziyo ukufunxa amanzi. Ikwadinga ne pH ephakathi kwe 6 kunye ne 7.5. Ungatyali kwimihlaba eludongwe. Kwimihlaba eqinileyo, kungcono wenze imisele phakathi kwemiqolo yezityalo ukuncedisana nokufunxa amanzi akude angenakho ukufikelela kwiingcambu.
Ngaphambi kokuba wenze naluphi na ulungiselelo lomhlaba, kufanele kuthathwe isampuli yomhlaba okuza kutyalwa kuwo ukuze uye kuhlolwa elaboratory unikwe neengcebiso mayelana nezithako ezidingwa ngumhlaba. Imihlaba kufanele ivunguzwe ukuze umhlaba ungadibani. Oku kungenziwa ukufikelela kubunzulu obungama 600 mm. Kufanele kugalelwe ilime ukuze kulungiswe ipH yomhlaba, imanyolo okanye umgquba.
Zonke ezi zinto kufuneka zihlakulelwe kuma 400 mm omhlaba ongaphezulu malunga neeveki ezine ukuya kwezintlanu phambi kokutyala. Kwiintsuku zokugqibela ezandulela ukutyala, ungabe sele ugalela nee trace elements kunye nesichumiso esilungiselelwe ukugalelwa phambi kokutyala wandule ukuhlakula nge disc harrow kumhlaba ongaphezulu obunzulu obungama 20cm. Oku kusiphula kwakhula besele luqalile ukukhula. Ukuba kwenziwe imiselana, oku nako kwenziwa ngoku kube sele kulungiselelwa nomhlaba wokuhlwayela imbewu.

Imozulu

iRosemary sisityalo esi esiqinileyo esihlala siluhlaza ngalo lonke ixesha, nesikhula kwimozulu ezinamaqondo obushushu aphakathi kwe 18°C kunye nama 26°C. Iyakwazi nokumelana neqabaka.

Iindidi zeSityalo

Zintathu ezona ndidi ziveliselwa intengiso, yiCamphor-Borneol, Cineole kunye ne Verbenone.
Iindidi ezahlukeneyo ezikhoyo zezi: Albiflorus, Arp, Benendan Blue, Flora Rosa, Hill Hardy, Holly Hyde, Huntington Carpet, Irene, Majorca Pink, McConnell’s Blue kunye ne Tuscan Blue.
Zininzi ke nezinye iindidi kwaye kungcono ukuba uqale ufumane iingcebiso kwi extension officer kunye neengcali zeembewu ezikwi ngingqi yakho mayelana nendidi ezilungele umhlaba oza kutyala kuwo kwakunye nabantu abanokuthenga imveliso leyo.

Translated by Zizipho Silwana