Iqalwa Njani Ifama Yokufuya iiHagu

©Glenneis Kriel
Xa uqala ifama yokufuya iihagu eMzantsi Afrika kufuneka ubene cebo. Eneneni, ishishini leehagu lifuna icebo, ukuqala kwindlwana ezingama waka zokufaka iimazi ukuya kwimihlambi emibini emveni kwendlu yalowo ungenazo izixhobo ofuna ukongeza ingeniso axhase usapho lwakhe.
Ukuba yifama enkulu ethengisa iihagu okanye incinci, imithetho enyanzelekileyo yokucwangcisa iyafana. Into yokuqala ziziphumo ofuna ukuzibona, ekugqibeleni. Ufuna ukuthengisa amantshontsho? Okanye uthenge amantshontsho uwakhulise uwaxhele uthengise? Okanye uthenge uthengise iihagu njengalowo uzithengisayo? Okanye ukuzalisana nokukhulisa iihagu ezincinci de zilungelwe ukuxhelwa.
Into yesibini ekufanele uyijonge xa uqala ifama yeehagu kukuqikelela izidingo zabathengi- ukuba kuzakusebenza njani, amaxesha onyaka, kunye nabo selebekwelu shishino.
Okwesithathu, cingela izithenteli, imithetho, impilo nemithetho yomhlaba ka masipala, ucwangciso ngomhlaba kuka masipala kulo dolophu okanye indawo ozama ukuqala kuyo ifama?
Zama ukubala iindleko zemveliso. Kuzakufuneka ubale indleko zokwakha, isakhiwo, (indlwana) izizidingo, oomatshini kunye nabazebenzi kunye namava owadingayo.
Xa oko ufuna ukuvelisa iyinyama yehagu, phanda okokuba ihlala ixesha elingakanani kwaye kufuneka igcinwe njani, izikhencezisi, isithuthi, kunye nendlela yokuzipakisha.

Imali Yokuqala Ifama Yeehagu

Xa uqulunqa ukuqala ifama yeehagu kufuneka ufumane imali yendleko zeshishini elitsha ngexesha isaqalayo. Isiqalo siquka ukufaka ucingo, ukwakha iihoko, isakhiwo, ukuthenga izixhobo, abasebenzi, umbane, amanzi, iindleko zika masipala, isiqinisekilo (insurance) logama usabhatala iindleko zasendlini.
Jonga okokuba kuzakuthatha ixesha elingakanani phambi kokuba kubekho ingeniso ukuze imali ingene iqale ingeniso ukungena ibhatale iindleko.
Uqikelelo lwemali ezakudingeka lubalulekile, kodwa yeyona ndawo yocwangciso loshishino engemnandanga leyo. Enye kukuzama ukuqikelela iindleko zokuqhuba ishishini, inzala kwimali mboleko, indleko zeshishini, indawo yokugcina, beka ezi ze uziqathanise nembuyekezo yentengiso kwixesha elithile elizayo xa ixabiso namatyala afuna ukubhatalwa zingaqikeleleki.
Kodwa ke, xa lowo usaqalayo efuna ukudibana nabanikezi mali kwaye athathelwe ingqalelo, kufuneka afumane uncedo kwaye abenaye umntu ozakubaluncedo ngokwencwadi zeze zimali, ngokubaluleke ngokufanayo, nomntu onolwazi noziqondayo iihagu.
Akhona amashishini maninzi akwaziyo ukunceda kwaye axhase ishishini elisakhasayo lomfama ncakasana.
Urhulumente wo Mzantsi Afrika uyakhokhela koku kwaye uNgqongqoshe we Zolimo ngabaxhasi bezolimo zamafama afuna ukondla iintsapho zawo kunye namafama angagunyaziswanga ngoko mthetho. Ikhona imali ebekwe bucala kuhlelo lwabiwo mali luka rhulumente kwiphondo, yezolimo. Le mali iyabekwa ichithwe kurhulumente ongqongileyo wephondo kunye nee komiti ezikhethiweyo kwaye imelwe ngamafama ohlukileyo. Ezinye ingalo zesebe ezifana ne Sebe le Rural Development and Land Restitutuion linendawo.
Kodwa ke, imali ayisokuze yanele izonelisa izicelo yiyo lonto iinkampani ziye zibeluncedo, kuquka iLand Bank, imali esuka kwiphindo kunye noomasipala. Ngesiqhelo, lo usaqalayo okanye lo usakhasayo uvelisa inyama yehagu kufuneka adibane ne Sebe le Phondo kwasekuqaleni afumane indawo ethetha ngenxaso yama fama kunye nophuhliso.

Uqeqesho Nengcebiso kuma Fama Amatsha afuye iiHagu

©Dr Jim Robinson
Owona mbutho waziwayo kwaye osebenzayo yi South Africa Pork Producers Organisation (SAPPO), apho ke inkoliso yamafama athengisayo ayinxalenye yawo. Isappo iyabunyusa ubulungu phakathi kwamafama asakhasayo afuye iimihlambi yeehagu.
i-SAPPO iyakwazi ukufikelela kwimali ebekiweyo ethe yaqokelelwa ngamafama entengiso yaqokelelwa xa kuxhelwa ngokubalwa kweentloko. lemali ke ngokuthetha thethana norhulumente isetyenziselwa ukuphuhlisa ushishino lwenyama yehagu kwaye ingxenye yayo isekelwe ukuphuhlisa amafama, nokuwanikeza izakhono. Le mali ayisetyenziselwa ukumisa ishishini elitsha okanye iindleko zokutya.
i-Pig Veterinary Society (PVS) liqela le South African Veterinary Association elisebenza cebukuhle ne SAPPO nabavelisi bentengiso ngoku nxulumanisa uqeqesho nemfundiso zengcebiso, imbonakaliso kunye nokucwangcisa. Oluvavanyo lujongana nofuzo, intlalakahle, ukutya kunye nedlwana yeehagu, izifo kunye nolawulo.

Translated by Zikhona Plaatjie