Iimpukane

© Marinda Louw

Ngaphandle kobasisidina, iimpukane zisenokuthwala izifo kwaye zingaba negalelo elibi kwimpilo yezilwanyana, ingakumbi kwindawo zemveliso apho izilwanyana zigcinwa zisondelelene. Iimvavanyo zibonise ukuba iinkomo ezisengwayo zilahlekelwa yimizuzu yokuncancisa ephakathu kwama 25 ukuya kwiyure ezintlanu ngosuku. Oku kubangelwa ziimpukane ezinezothe.

Ukuzilawula

©Rykie Visser - Agrinet
Eyona ndlela isebenzayo yokulawula iimpukane yinkqubo exutyiweoy yokuzilawula, nalapho indlela ezininzi zithi zisetyenziswe ukunciphisa ubuninzi bempukane. Injongo yalenkqubo ifanele ukuba iibekukugcina inani lee mpukane lisezantsi. Nazi iingcebiso ezintlanu zokugada inani lee mpukane lingenyuki:
Okokuqala, nciphisa inani lee mpukane na maqanda ngokuqwalasela kanye ezindawo zizalela kuzo iimpukane. Iimpukane zithanda ukuzalela emgqubeni nasendaweni ebolileyo, ngoko ke kubalulekile ukugcina izilwanyana kunye nendawo yemveliso icocekile. Izilwanyana ezigulayo kunye nezo zinezilonda namanxeba kufanele zinyangwe kwangethuba ukuze zigcine izilwanyana zikude ukuze kukhuseleke ukosuleleka kwezinye. Izilwanyana ezifileyo kufanele zisuswe ngoko nangoko kwindawo yemveliso zize zilahlwe ngendlela ecocekileyo. Kufanele ukuba zitshiswe okanye zingcwatywe.
Indawo yemveliso kufanele ukuba ihlale icocwa kwaye nomgquba, inkunkuma, umandlalo omdaka, ukutya okuchithekileyo namaqanda ophukileyo. Ukuba ufuye iinkukhu, oku kufuneka kulawulwe ngendlela eyiyo. Ukuba izilwanyana azikutyi konke ukutya kwazo, cutha umlinganiselo kungashiyeki kwanto enokutyiwa zimpukane.
Umgquba, ilindle, nomandlalo zizinto ezenza umgquba olungileyo, kodwa umgquba kufuneka wenziwe ngendlela ukuze ungatsali mpukane. Indawo enomgquba kufanele ibekudana kunendawo yemveliso.

©Shem Compion
Okwesibini, indalo ngumhlobo wakho. Ezinye izinambuzane no qongqothwane zitya amaqanda empukane nempethu, logama iintlobo ze wasp zibeka amaqanda wazo kwi pupae. Ezintshaba zendalo zingakhululwa kwindawo yemveliso izihlandlo ezimbalwa ngonyaka. Kwaye ziluncedo olukhulu xa impukane zinenkani kwi khemikhali zokuzibulala. Kuboza imali eninzi kwaye ivamise ukungoneli ukuba ezintshaba zibekhona xazidingeka. Ngoko ke kufuneka isetyenziswe lendlela yodwa ingadityaniswwa nezinye.

©Marinda Louw
Okwesithathu, sebenzisa izibulali zinambuzane okanye imigibe. Intambo encangathi yenza umsebenzi oncomekaoy ekucutheni inani lempukane ezindala xazisetyenziswa endaweni evalelekileyo ehlala izilwanyana, nangona zisetyenziswa ukuloba iimpukane ngaphandle. Inye ingxaki nezizinto, kukuba zinuka kakubi. Iimpukane azizithandi iindawo ezimnyama, zivamise ukufumaneka kwindawo ezikhanyiswe lilanga ezindlini ezigcina izilwanyana. Amanye amafama asebenzisa amagqabi phezu kophahla lwezindlu ukuze kunciphe ukukhanya okungena ngaphakathi. Izilwanyana nazo ziyakholwa ngumthunzi kwimo yezulu etshisayo. Amanye amafama atyala izityalo ezithile, zirhangqe indawo yemveliso okanye basebenzise ioli ezithile ukugxotha iimpukane.

Okwesine, sebenzisa iikhemikhali ngendlela eyiyo. Iikhemikhali zokulawula iimpukane zisebenza kakuhle xazisetyenziswe ngendlela nangemigaqo. Ukusetyenziswa ngendlela engalunganga akubuyingozi yempilo nje kuphela, kodwa zisenobangela iimpukane zingafi. Izibulali zinambuzane ezikhoyo kufanele zisetyenziswe, kuba zona zikhuselekile, kwaye zingqala ngqo ngaphezulu azinabungozi kwindalo kunezo zazikade zisetyenziswa mandulo- Nezaziwa njenge organophosphate okanye iDDT.
Iimveliso zisetyenziselwa ukubulala iimpukane okanye iimpethu, kwaye kufanele zisetyenziswe kwizilwanyana okanye kwindawo enezilwanyana. Enye yezimveliso ziyaziloba iimpukane.
Uphando lubonakalise ukuba ama 40 ukuya kuma 60% engxaki zempukane zingasuswa ngoku bulala amaqanda azo.
Okwesihlanu, yenze ibengumsebenzi wasekuhlaleni. Akukhathaliseki noba unobuchule obungakanani bokulawula iimpukane, oku akuthethi nto ukuba abamelwane bakho abancedisani nawe ekugcineni amanani empukane esezantsi kwifama zabo okanye beyigadileyo imihlaba yabo. Ukusebenzisana kungcono kwaye akuchithi mali ingako kunokusebenza wedwa.

Translated by Zizipho Silwana