iHoneybees kunye ne Pollen

© Eli Shany

Yintoni iPollen?

iPollen ngumgubo oveliswa zintyatyambo ezivelisa imbewu. Inamagaqa amancinci we pollen kwaye anenzala yezityalo 'male gametes'. Lenzala yezityalo efumaneka kwi pollen idibana namanye amajoni kwinkqubo ebizwa ngokokuba kukuchumisa.
Ngokuthetha phandle, zimbini iintlobo ze pollen:
En0tomophilous pollen - iqokelelwa zizinambuzane ngexesha lokuba izinambuzane zichumise.
Anemophilous pollen - ihanjiswa ngumoya hayi zizinambuzane kwaye yeyanyaniswa norhawuzelelo 'allergies'.
iPollen ibaluleke kakhulu kwiinyosi kuba ikukutya kuzo, izinikeza iprotein ekutyeni kwenyosi ezindala, kwaye ibalulekile yenza zikhule ngokomzimba iinyosi ezisencinci.

Ivelaphi iPollen

eMzantsi Afrika umthi umgamtriya owakwaziwa ngokuba yi gum tree, kunye namahlala, izityalo zezolimo, ukhula, neentyatyambo zase gadini zinikeza ipollen 'iprotein' kunye nencindi 'carbohydrates' kwinyosi zobusi ukuze zenze ukutya. Ezizityalo ziyayikhulula incindi kunye ne pollen ngamaxesha ahlukileyo.
Izinga le protein luyohluka ngokwendidi ze pollen. Ipollen yodidi oluphezulu iveliswa zintlobo zesityalo iclover, i-almond, kunye nemithi yama pere, intlobo ze Populus, ilupin ne canola. Umgangatho omncinci we pollen uqokelelwa kwi blueberries, sunflower, citrus, kunye neentlobo ze Typha.
Izifundo ezenziwe ngo 2017 eSaudi Arabia zigqibe okokuba iprotein ye pollen kumlinganiselo we Lucerne 20,2%, idate palm 19,8%, canola 18,9%, summer squash 16.4%, ne sunflower 15,2%.
eMzantsi Afrika, imveliso ze pollen ziquka ipurple echium, ngapha kwe 30% ye protein, macadamia 16-22%, umbona 14-15% umthi we pine 7-8%. Umlinganiselo we protein we ntlobo ze Eucalyptus uyahluka ukusuka ku 17% ukuya ku 30%.
Kwimithi yomgumtriya 'gum tree' eMzantsi Afrika, umgamtriya onentyatyambo ezibomvu 'Corymbia ficifolia', igrey ironbark 'Eucalyptus paniculata', ibhokisi etyheli 'Eucalyptus melliodora' kunye ne lack ironbark ziluncedo kwiinyosi.

Ukuqokelela iPollen

iPollen iqokelelwa zinyosi ezisebenzayo isiwe kwikhakha ngeebhaskithi ezine pollen 'corbicula' ngemilenze yazo yangemva. Ipollen iqokelelwa kumzimba kubufukufuku bomzimba wenyosi. Xa zibhabha, ukuhamba kwamaphiko kwenza umbane ohambayo nokuba ingahlohleki. Xa inyosi isehla phezu kwentyatyambo, ipollen iyagungqa ngaphezulu incamathele kwinwele ezigqume umziba weenyosi zobusi. Ulwimi lenyosi nemihlathi isebenza ukulenca nokuqokelela ingqolowa ze pollen imanzise izigaqa ze pollen, yenze okokuba incamathelane. Ipollen ze idityaniswe ngemilenze yangemva, yenziwe iibhola izinezelwe kwi corbicula.
Kwi khakha leenyosi, ipollen iye ifakwe sisele, kunye nezinye iintwana ntwana.

iPollen Njengokutya

Xa ipollen isiwa kwikhakha leenyosi ipakishwe kwizisele ezingenanto, ixutywa nencindi nezingamanzi ezinceda ukutya kucoleke phambi kokuba ivalelwe esiseleni nentwana yobusi. Lamanzi ane ntsholongwane ye lactic acid ethi icole iiswekile kancinci, iphule iprotein izijike kube zi amino acids ithintele nokungunda.
Lomxube, obizwa ngokuba ‘sisonka senyosi’ uye utyiswe iinyosi zobusi ezincinci nenyosi ezingomama ezisandula ukuqandusela. Iinyosi ezingomama abancinci zidinga isonka senyosi ezine protein eninzi ukuze komelele amadlala zidinga iinyosi ezindala okokuba zityise ezincinci kunye nenyosi enkulu komama. Iinyosi ezindala zitya ubuso kuphela.
iBee pollen iyathengiswa okokuba ityiwe luluntu kwaye iqokelelwa ngaba gcini nyosi efama, besebenzisa isithiyeli se pollen. Ukusetyenziswa kwe pollen kuyathethisa kwaye ngenene, iUnited States Food and Drug Administration FDA iyaphikisana “eyona mveliso yendalo ye protein”, “isibulali ntsholongwane” kunye “noko kwenza ngcono ukurhawuzelela allergy”.
Iimpikiswano ngokusetyenziswa kwe bee pollen okokuba ityiwe ngabantu oku kungathetha okokuba iprotein izakunqaba kwinyosi, ukongeza, okokuba kukho iindlela ezifikelelekayo zokuba incedisane nokutya koluntu.

Translated by Zikhona Plaatjie