I-Celery

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: Apium graveolens
Igama Eliqhelekileyo: Celery, iseleri ye suphu okanye iceleriac

Inkcazelo Ngesityalo

iCelery yeyosapho lwezityalo elaziwa ngokuba yi Apiaceae kwaye ihlobene ne parsley, parsnips, coriander, kunye neminqathe. Imvelaphi yayo ikum’mandlaonolwandle (Mediterranean). Sisityalo esitsibisa unyaka xa sikhula, kodwa kwi mveliso esentsha sityalwa silinywe ngonyaka. Isityalo sikhula kwisikhondo esitswebhileyo siphinde sibe sikhuluokanye esimile okwentliziyo ukusuka phantsiukuya kwiziqu okanye ibe ziziqu ezibini ezibhityileyo zentyatyambo eziphela namahlahla okanye amagqabi asekracakraca.
Eziziqu zala magqabi zezona ndawo zityekayokwi celery. Izityalo ze celery zityalwa xa zingama 40 ukuya kuma 50 cm ubude. Ingcambu ze celery zenziwe nge ngcambu efana namahlahlakuma 20 cm ezantsi komhlaba. Ivelisa iintyatyambo nengcambu kunyaka wesibini.

Imisebenzi

Icelery isetyenziswa kakhulu ukwenza incasa kwi suphu nakwizidlo ezine nyama. Iyatyiwa ihlaza, okanye kwi saladi okanye iphekwe njengomfuno. Icelery ayina zakhamzimba zininzi okanye zinongo kwaye isezantsi kwi carbohydrates. Yenziwe nge fibrenamanzi yiyo lonto ithandwa ngabantu abane njongo yokwehlisa ukutyeba emzibeni.
Iinkozo ze celery ziyagutywa zisetyenziswe njege tyuwakwaye zine oli esetyenziswa kwizi qholo zomzimba nasemayezeni, anceda ukophula I ‘uric acid’egazini kunyango lwe sifo igout, isifo samathambo, kunye nentlungu ezikumathambo ezandla nasekudibaneni emzimbeni.

Iimfuno Zomhlaba Namalungiselelo

iCelery ikhula kakuhle kwindawo ezikhanywe amanzi, ezine santi exineneyo nomgquba ongaxutywangaukuze kufume kugcinekenezinongo. Ifuna umhlaba one asidi encinci ene pH engu 6.0 ukuya ku 6.5.
Iveki ezintandathu phambi kokutyala, lima, ulungise lendawo izakutyalwaku 500 mm. Ngelixeshadibanisa nelamunixa kukho isidingo nokuba ngowuphi umgquba, manyora, igypsum kunye ne superphosphates. Xa isityalo esihlaza besikhe salinywa, siyanqunyulwa, silinyweemhlabeni kwangelo xesha.
Iveki enye phambi kokutyala icelery, khofola umhlaba, uwulimeulingane, ulungise londawo. Oku kususa ukhula olubambeleleyo. Ibhedi zembewu kufuneka zicocekekwaye zingaxinani nomhlaba odibeneyo nokuba lukhula olunjani okanye imifuno ekumhlaba ongaphezulu enokuthintela ukukhula kwengcambu.

Imozulu

iCelery idinga isimo sezulu esipholileyoesingena mkhenkce nobushushu obuphakathi ko 15°C ukuya ku 24°C. Xa kukho amathuba obushushu atsalayo angaphezulu ko 25°C ngexesha lokukhula, yenza icelery ibekrakraibefukufuku.

Iindidi Zesityalo

©Louise Brodie
Iintlobo ezimbini ze celery yi Leaf Celery ne Stalk Celery. Izilimo eziqhelekileyo yi Utah, Golden Pascal, Stetham ne Peppermint.

Translated by Zizipho Silwana