I-Cantaloupe

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: Cucumis melo
Igama Eliqhelekileyo: iCantaloupe, iMelon, iSweet melon, iMusk melon okanye iSpanspek

Esi sityalo kuthiwa imvelaphi yaso ise Mzantsi Ntshona Asia; nalapho yayiqale yabizwa nge Musk Melon, ngenxa yevumba layo elimnandi eliswiti xa sele ivuthiwe. Ethubeni esi siqhamo saye saziswa e-Europe nalapho sathiywa ngedolophu ese Italy ebizwa nge Cantalupo. Le dolophu kulapho yayityalwe khona emva kokuba iimbewu zayo zeza zisuka eArmenia kwi Persian Empire.
Kukho ibali elinikisa umdla ngemvelaphi yegama le cantaloupe elingolwimi lwe Afrikaans, nelithi spanspek. Eli gama kuthiwa lisusela kwigama elithi Spaanse spek, nelithetha I Spanish bacon uLady Juana Maria Smith, umfazi wohlanga lwama Spanish inkosikazi ka Sir Henry (Harry) Smith (wayekholwa kukubizwa ngo Harry), iGovernor yase Cape Colony embindini weminyaka yoo 1800, wayethanda ukutya iCantaloupe okanye iMusk Melon njengesidlo sakhe sakusasa, logama umyeni wakhe yena wayekholwa ngamaqanda kunye ne bacon. Ngenxa yemvelaphi yama Spanish esi sidlo sakhe singaqhelekanga baye abasebenzi bakhe basithiya ngesidlo sakusasa esisi “Spanish bacon”.

Inkcazelo Ngesityalo

Icantaloupe yinxalenye yosapho lwe cucurbit. Iicantaloupe ikhula ibezintambo ezinabayo emhlabeni. Umthi wayo onokwenzelwa izinti zokuxhasa umthi (trellised) xa kutyalwe iindidi ezincincane zemelon. Esi sityalo sinengcambu ezingangenanga nzulu emhlabeni ezinokuthi sinwenwe kuyo yonke indawo enamagqabi nemithana yesi sityalo.
Inengcambu enye esebenza njenge mpompo nengena malunga nama 30 cm ukuya kuma 40 cm obunzulu bomhlaba. Ngoko ke, kubalulekile ukulawula ukhula kwaye unkcenkceshele hroqo, njengoko uninzi lwengcambu lubakuma 20 cm engaphezulu yomhlaba.

Imisebenzi

Icantaloupe sisiqhamo esityiwa sinjalo, sisodwa. Isenokufunxwa amanzi kwenziwe ijusi okanye idityaniswe nezinye iziqhamo kwenziwe isaladi yeziqhamo okanye idizethi. Ezinye iindidi ziye zomiswe maxa wambi.

Iimfuno Zomhlaba Namalungiselelo

Umhlaba wakho mawuhlolwe rhoqo ngaphambi kokuba ulungiswe. Oku kuqinisekisa ukuba zonke izinongo ezishotayo (micro kunye ne micro nutrients) emhlabeni ziyalungiswa ngaphambi kokuba kutyalwe. Icantaloupe ikhula kakuhle kwisanti eludaka ukuya kwfumileyo. Udongwe oluninzi lungathintela ukukhula kweengcambu nokufunxeka kwamanzi. ipH yomhlaba kufanele ibephakathi kwesi 6.0 kunye ne 7. Malunga neveku ezisibhozo phambi kokutyala, galela zonke iphosphates ezifunekayo kunye ne lime ukuze ulungise ipH. Ungagalela nomgquba okanye imanyolo, wandule ukuhlakula ubunzulu obungama 60 cm.
Malunga neveki ezimbini phambi kokutyala lungisa umandlalo womhlaba ongaphezulu. Oku kwenziwa ngokusebenzisa izixhobo zokuhlakula ezizi disk harrow okanye irotavator. Ezi zixhobo zinceda ekuqhekezeni amagaqa omhlaba ze zisuse kwakhula ebesele liqala ukukhula. Ukuba izityalo zizakuba komandlalo abaphakamileyo okanye kwimisele, oku kufanele kulungiswe kwiveki ezimbini phambi kokutyala. Ukuba kuzakufakelwa izinkcenkcesheli (drip irrigation) nazo kufanele zifakelwe kwangeli xesha kwaye ukuba kuzakugqunywa ngeeplastiki, nazo kufuneka zandlalwe phezu kwemisele ngeli xesha.

Imozulu

Iicantaloupe ziyayithanda imozulu efudumeleyo kwaye zikhula kakuhle kumaqondo obushushu asemini aphakathi kwama 20°C ukuya kuma 30°C. Okanye xa amaqondo obushushu asebusuku angaphantsi 15°C enqabile. Ukukhula kuyadodobala mpela ukuba lamaqondo ehla asondele kwi 10°C. Xa engaphantsi kwe 10°C ukukhula kwesiqhamo kuyachaphazaleka ze oku kukhokelele kwilahleko yemveliso. Esi sityalo sinkenenkene kakhulu kwiqabaka, kwaye izityalo eziselula zingade zife nokufa yiqabaka. Imvula ngethuba isityalo sele sizakugqiba ukukhula ingachaphazela ukukwazi kwesi qhamo ukuhlala ixesha elide emva kokuba sivuniwe. Imvula ikwaphuhlisa nokungunda.

Iindidi Zesityalo

iHoneydew, iGalia, iHales Best, iPiel de Sapo, i-Imperial, i-Edisto, i-Eastern Shipper, i-Majestic, i-Charentais, i-Fargo kunye ne Caribbean King zezinye zendidi zesisityalo kwaye zininzi nezinye ezingakhankanywanga apha. Ukuze wazi eyona ndidi ilungele ingingqi okuyo, kungcono ucele iingcebiso kwi extension officer okanye ingcali yeembewu ekufutshane nawe.

Translated by Zizipho Silwana