Giraffe
Indlula Mthi

© Peter Delaney

Igama

Indlula Mthi [Giraffa camelopardalis]

Inkangeleko

Indlula mthi sesona silwanyana side elizweni, esi bude 5.5m, esidume ngentamo yaso ende kakhulu. Lentamo inde oluhlobo ibangela ingxakeko ngoko kuhamba kwegazi emzimbeni, ngxekeko ezo zisaphnadwayo. Iinkunzi ezindala zibude bu 5 m loxa iimazi zibude bu 4,5m. Ubunzima bazo bufika 1 200kg loxa iimazi ziphakathi ko 800 – 900kg. Zinombala omdaka obukhanya zekubekho amabala bala amdaka ngokubalaseleyo umzimba lo wonke. Zonke iinkunzi neemazi ziba neempondo ezimfutshane ezigqunywe sisikhumba.

Ukutya

Ngenxa yobude beentamo zifumana ukutya kulaa magqabi anagafikelelekiyo kwezinye izilwanyana.Zisebenzisa ulwimi lazo olomeleleyo ukutsala amagqabi kunye namazinyo ukukrazula amasebe emithi.

Ukuzala

Iimazi ezinqwenayo ziye zithathwe ziinkunzi, zikhulelwa intsuku ezi 457 emva koko zizale inkonyane libe linye ngexesha. Inkonyane liba 100kg ubunzima ze zilunyulwe kwisithuba seenyanga ezintandathu ukuya kwisibhozo.Kodwa ke angaphezulu nje kwesqingatha amankonyana aye akhule ngokugqibeleleyo, kuba ziye zifumane ukuhlaselwa ngamanye amarhamncwa ehlathi.Emva kweminyaka emine ukuya kwemihlanu iimazi ezifikisayo zihlaziywa ziinkunzi ezindala ezikhangela amaqela ngamaqela.

Ukuziphatha

Ubuninzi bazo iindlula mthi zikholisa ukuhlala ngemihlambi emikhulu noxa kungekho kuhlobana kuyaphi. Amankonyane ahlala neemazi loxa iinkunzi zihamba zihlala phakathi kwemihlambi leyo. Nazo azinalo ixesha elimmiselwe uhlangana ngesondo, iinkunzi zihlala zikhangela maxesha onke. Iinkunzi zilwa kakhulu ukubanga indawo yazo nokufuna ukubonakala ngcono kwiimazi zazo. Zilwa ngeentamo ezo zazo ziziphithanise, ethe yohluwla iye ityalwe kodwa kunqabile uba ibenobungozi lendlela yazo yokulwa. Indlula mthi zithule ubukhulu becala azihoyi nto zihamba ngondiliseko. Zibugragrama ke xazithe zahlukunyezwa okanye zihlaselwa.

Zifumaneka Phi

Ngokwembali sifumana uba ziqhekezwa, kuzingelwa, ukulondolozwa kunye nezifo.Kodwa ezo ziphantsi ko nonophelo ziyanda ngokwe nani.

Vital Statistics

Latin Name: Giraffa Camelopardalis
Weight (Female): 800 kg
Weight (Male): 1 200 kg
Gestation Period: 15 months
No of Young: 1 calf (exceptionally 2)
Sexual Maturity: 4, 5 years
Birth Weight: 102 kg
Order: Artiodactyla
Family: Giraffidae
Running Speed: 55 km/h
Breeding: Zizala inkonyane libe linye ngexesha nangaliphi na ixesha enyakeni, emva kokhulelwa iinyanga ezi 15

Ingxelo Yemaqatha

Iqatha layo elikumila ngathi siskweri, zilimala kakhuli emilenzeni ngoba zitybilika kakhulu kwindawo ezimanzi.