Amangolwane

© Chris Daly
UKususa amangolwane kunzima kakhulu kunokususa iintwala, lonto ke yenza kubaluleke ngakumbi ukukhusela kwesisififingi gazi. Amangolwane mancinci kune ntwala, aphakathi kweshumi le millimetres ngobude. Kunzima kakhulu ukuwabona, ngaphandle kokuba ahamba kwindawo enokukhanya kwaye enombala. Xa intwala zinemilenze emithandathu, amangolwane amadala kunye ne nymphs zinemilenze esibhozo aze amantshontsho azo abemilenze emithandathu. Inkoliso yazo ingqukuva okwebhola, zibene ndawo ebukungcambu apho umlomo ukhoyo.

Zibukeleka Njani?

Ezona zinto zitshabalalisayo ezinkukhwini zintathu : amangolwane abomvu (aziwa ngokuba ngamangolwane eenkukhu), Amangolwane aziwa nokuba zi-nothern fowl kunye nawaziwa ngokuba zi- scaly leg mites okanye amangolwane anengcondo.
Amangolwane abomvu, abukumdaka bumhlophe okanye bukumdaka ngombala. Kodwa aye abe bomvu ngokuqaqambileyo okanye luhlaza okwesibhaka bhaka emveni koku fifinga igazi. Ezizi fifingi gazi zicitha ixesha lazo zizifihlile kumathanda asondele kwisidlo sawo, emveni koko ahlasele iintaka ebusuku.

Amangolwane i- Nothern fowl angwevu okanye mnyama ngo Mbala, kwaye achitha ubomi bawo onke entakeni, ingakumbi apha ngase sisileni. Usuleleko olungamandla lungenza iintsiba zibe mnyama, oku kudalwa lilindle lamangamangolwane namaqanda.
Amangolwane i-Northen fowl kunye namangolwane abomvu, awafani namangolwane i- scaly leg mites, kuba ke wona ahlala emilenzeni yentaka kuphela.

Iimpawu Zokosuleleka

Ukufunxwa igazi ngamangolwane abomvu namangolwane iNothern fowl enza iintaka zibe buthathaka kwaye zibenesifo soku swela igazi ngenxa yokufunxwa igazi. Oku kwenza intaka zibene zacholo ne silevu esi phatshileyo. Ziye zehle esiqwini intaka kwaye zibese mngciphekweni wezinye izifo. Iintsiba zentaka ezichaphazelekayo ziya bhitya, zibempatsha -mpatsha, zingabukeki. Maxa wambi ziye ziziphumele iintsiba zishiye isikhumba sinamabala abomvu.
i-Scaly leg mites zigrumba ufele lwemilenze neenyawo, oku kwenza kube bomvu kwaye kuqine. Xa zinganyangwanga intaka zingahluleka kukuhamba, de zife.

Translated by Zikhona Plaatjie