Abagcini kunye no Lawulo Lokutyiwa kweMfuyo Zizilwanyana

©Ann Gadd
Imfuyo ingagcinwa okanye igadwe okokuba ingatyiwa zezinye izilwanyana kwaye oku kungenziwa ngendlela ezininzi kuquka ukusetyenziswa kwabelusi, izinja ezingonogada, i-alpacas, iidonki, inciniba kunye nobuxhaka-xhaka balemihla.

Abelusi

U-Melusi ubaluleke kakhulu kumfama. Umelusi olungileyo ngulowo ongumfuyi owuphilayo umsebenzi wakhe wokufuya imfuyo, akwazi ukubona xa kukho ingxaki kwisilwanyana kwaye akazikhathazi izilwanyana xa ejonga undonakele okanye egade imfuyo. Ngaphandle kokujonga imfuyo, bayakwazi ukujonga okokuba ucingo lukwi simo esilungileyo kwaye ze bathabathe inxaxheba ukukhusela izilwanyana ezisemngciphekweni okanye ezigulayo zingatyiwa zizilwanyana ezitya imfuyo.

Kodwa ke, lomsebenzi wokuba ngu melusi unzima, umelusi uhlala eyedwa kude noluntu. Basebenza iiyure ezinde, bekude nekhaya, ingakumbi xa imfuyo ikumadlelo amakhulu. Abantu abaninzi abasafuni ukuwenza lomsebenzi, oko ke kwenza “ulwazi lokwalusa” lunganikezwa lwehliselwe kwezinye izizukulwana ezilandelayo.

Ngokubhalwa kwi Predators on Livestock Farms, a practical farmer’s manual for non-lethal, ecologically acceptable and ethical management, ehlanganiswe ngu Bool Smuts, ukusetyenziswa kwabelusi akunakuze kuzise ubomi obutsha kwimisebenzi nezokuhlala, ezezimali kunye neengxaki zemeko zemihlaba, ingakumbi xa imisebenzi inenzuzo entle, efana nokwabelana ngengeniso okanye ukusebenzisana.

Izinja Ezingonogada

©Ann Gadd
Eminyakeni, abelusi babesebenzisa zonke iintlobo zezinja ukuba nceda bakhusele imfuyo kwizilwanyana ezitya imfuyo. Iintlobo eziyimixube ziye zasetyenziswa ngempumelelo, kuquka iTurkish Anatolian Shepherd Dog eyathi ya yenye yezibalaseleyo ezaziwayo. Kuqikelelwa okokuba inja engu nogada esebenzayo inganciphisa ilahleko kwimfuyo ngama 90%.

Zizinja ezisebenzayo ezi, ezibekwa phakathi kwemfuyo zineveki ezintandathu ukuya kwezili thoba. Inja kufuneka ihlale ihleli nezinja ingaze kodwa ishiyeke yodwa esibayeni, nokuba ishiywe nezilwanya eziyimfuyo ezimbini, ukuqinisekisa ukuqhelana phakathi kwenjana nemfuyo ezakuyigcina. Inja ayizukuba luncedo xa ukuqhelana kungenzeki.

Nangona kufuneka bemazile umphathi wazo, kufuneka zibhalwe okokuba zezokujongana nemfuyo, hayi umzi, okanye ifama yonke okanye abantu abahlala kuyo. Inja akufunekanga ivunyelwe ukudlala ibaleke nomhlambi wemfuyo njengokuba ikhula, kuba oku kungabeka imfuyo emngciphekweni.

Izinja kufuneka ziqhele nezinye izilwanyana eziyimfuyo okanye imfuyo yamanye amafama, ukuze izinja zingaboni ezizilwanyana njenge ngozi.
Izinja kufuneka zingavunyelwa ukuleqa iinyamakazi kwaye zifundiswe ukuqhelana nezilwanyana ezingeyiyo ingozi. Inja ayizukwazi ukwenza umsebenzi wayo okokuba iye yafunda ukuzingela.

I-Alpacas

©Jacques Marais
I-Alpacas kufuneka ikhuliswe nemfuyo ukuqinisekisa iyaqhelana nezo zilwanyana. Xa sele ziqhelene, i-Alpacas izakuqinisekisa ukuzula-zula ngenjongo yoku khusela indawo yazo ize igxothe, ithufe, ilume, ikhabe, inyathele yonke ingozi. I-Alpacas kufuneka zibekwe ngambini, ezimbini zigcinelwe iigusha ezingamathokazi kwindawo engama 250 ha.

I-Predators on livestock Farms, incwadi yokunceda amafama ecacileyo, ichaza okokuba iAlpacas ingongeza amanani amatakane egusha ngama 20% ze ihlise ukutyiwa kwemfuyo nelahleko ngama 80%.

Iidonki

©Ann Gadd
Nangona iidonki ngesiqhelo zisetyeniswa njengeziwanaya eziliqela, zikwazizo nezilwanyana ezikwazi kakhulu ukuba ngonogada. Kwelase Kenya umzekelo, zisetyenziswa ukukhusela iinkomo kwiingonyama. Ziyabethelwa kakhulu, ziye zihambe ziyokuhlala nomhlambi ezikhuliswe nawo. Iimazi kuye kukhethwe zona endaweni yenkunzi, kuba zonaziye zibenomsindo kwezinye izilwanyana zingade zonakalise nocingo.

Translated by Zikhona Plaatjie