Yintoni Ukunkcenkceshela Izityalo Ngebhotile

© Roger de la Harpe
Ukunkcenkceshela izityalo ngebhotile yeyona ndlela ilungileyo kwaye isebenzayo ukunikeza izityalo isondlo. Oku kwenziwa ngoku fafaza iminerali njenge mfefo emagqabini. Nalendlela yokutyisa izityalo, ziye zifumane isondlo kakulu kunaxa kuchunyiswa umhlaba. Izifundo zibonisa okokuba kwisibhozo ukuya kuma shumi amabini izityalo ziye zikwazi ukufunxa izondlo – ukuthintela iingxaki ngamanye amaxesha ezithi zibekhona xa nokufunxa izikhondo nje ngokudibana komhlaba, ubopheka kwezinongo nokuvuza kwezondlo.
Izondlo zifunxwa yi stomata. Istomata zezindawo zivulekileyo emagqabini, kufana nokubila enyameni yomntu. Istomata Zikhona nakwisikhondo nengcambu kwaye ziyakwazi ukufunxa izinongo nkqu nasebusika xa amagaqabi ewile. Inkoliso ye stomata iba ngaphantsi kwamagqabi, kwaye ixesha elingcono lokufunxa kulapho ikhula khona – ukukhula phami kokudubula, evaraison (xa iziqhamo/imifuno iqala ukuphuma umbala) naphambi koku vuthwa.
Ukutyisa izityalo ngebhotile kwenzelwe ukuqinisa ukuchuma. Ixhasa ukwenzeka kweziqhamo, iphelisa umvandedwa kwizityalo xa kukho umvandedwa ewenziwa izinambuzane okanye sisimo sezulu, inqaba ukuvula kwezondlo zentyatyambo xa kunetha kwaye yenza ukunyamezela izinambuzane nezifo ngokwandisa ukubala kwe Brix. Yandisa nesondlo kwizityalo njengoko kufumanisekile kwizifundo ezenziwe ePakistani kwi ngqolowa. Ukongeza ukutyisa izityalo ngebhotile kunye nentsholongwane i‘endophytic’ (intsholongwane ekhula kwizityalo kodwa engenzi monakalo). Ichaza okokuba ukuphindana kwingqolowa ngezinongo kunganceda ukulwa ukungondleki kwizityalo.
Zonke izondlo zingena lula, kodwa uhamba hamba kwezondlo kwisityalo kohluka kakhulu, iNitrogen (N), Phosphorus (P), Potassium (K), Copper (Cu), Manganese (Mn), ne Zinc (Zn) kulula ukufikelela kwezinye iindawo zentyatyambo, kodwa iminerali ezifana ne Calcium (Ca), Magnesium (Mg), Boron (B), Iron (Fe), ne Molybdenum (Mo) asihambi lula kwintyatyambo. I-Amino Acid chelate calcium lolona hlobo lwe calcium elihamba emagqabini ukuya emazantsi apho zivela khona izityalo. Icalcium yakha udonga lamajoni esityalo.
Ukutyisa izityalo ngebhotile kufunxeka ngcono xa zifafaziwe njenge mfefo (ifefwe ngamandla). Ubuncinci beqabaza, kubangcono ukufunxeka zizityalo. Inwele ezingqunge istomata zizakwenza umtsalane kwisondlo neqabaza ngalinye. Sebenzisa amanzi akumgangatho ophezulu-ingxaki zokufunxa zingenzeka xa amanzi ephezulu kwi sodium (Na) okanye ‘amanzi anzima’ (aphezulu kwi calcium). Ngeza into ezakwenza umxube udibane kwigqabi. Ayanda amathuba okufunxa ngokunqanda amaqabaza amanzi ukwenza ‘ibhola’ yenze kubenzima ukufunxa.
Ukufunxa kuye nyuka xa umxube une pH ephakathi ko 5.5 no 6.5. Nciphisa i-pH nge ‘apple cider vinegar’ okanye uyinyuse nge bicarbonate of soda. Ixesha elilungileyo lokufafaza kuphakathi ko 06:00-08:00 kusasa okanye 18:00-20:00 ebusuku xa ukufuma/moya uphezulu. Ukuqonda isisombululo esisiso, amanye amafama alinganisa iBrix yesityalo ngesixhobo I’refractometer nje phambi kokunkcenkceshela kwakhona kwiyure ezintathu nezingamashumi amabini anesine emveni koku fafaza. I-Brix inganda ukuyokuma kwisi thathu.
*Brix (Bx) ibala ukuchaphaza kwencidi kwizityalo - ukubonisa iswekile, minerali, nobu ninzi be proteyini. Oku kungachaza okokuba izityalo ziswiti, kwaye zine sondlo ezininzi, kwaye inamanzi amancinci we nitrogen, kwaye iyanyamezela ukonakaliswa zizinambuzane. Umlinganiselo oqhelekileyo wongangatho wamathontsi ambalwa (umlinganiselo we Brix yi Bx): itomato-zibuthathaka=4°Bx nokubalaseleyo=12°Bx; iimbotyi eziluhlaza – ubuthathaka=4°Bx nokubalasela=10°Bx; okanye ibitruthi-ibuthathaka=2°Bx nebalaseleyo=12°Bx.
Amafama amancinci okanye abalimi abatyala kwi balkhoni zabo banga zinkcekceshela izityalo ngee bhotile ngokusebenzisa ukutya (komvundla okanye umgubo we lurcene) faka ikomityi ezimbini zokukutya kwi litha yamanzi uyiyeke ubusuku bonke. Faka ukuyokuma kwilitha ezilishumi (10) zamanzi ufafaze ngaphantsi nangaphezulu kwizityalo. Umxube we 1% we EM (Effective microorganisms) okanye iti yomgquba womsundululu ungasetyenziswa ukunikeza isondlo ngokufafaza kwizityalo.

Translated by Zikhona Plaatjie