Wild Dagga

© Roger de la Harpe

Igama

Intsangu yase ndle /Imvovo okanye umsila we ngonyama

Igama lesi Latin

Leonatis ocymifolia [leonurus]

Inkcazelo

Imvovo lihlahla elincinane elineziqu ezimile bune ezisi sikwere esixabileyo. Amagqabi angamabini, amnxinwa okanye ajulile, abonakala ngathi anamazinyo okanye anameva, kwaye avame ukuba fukufuku. Iintyatyambo zikhula kwindawo ezixineneyo, zinezacholo ezilingana nentloko yebhola yomnyazi zixhasa isiqu esixhasa iintyatyambo ezimbala u-orenji ezenziwe njengombhobho; zohluhlwe kubini okanye ngemilebe emibini, umlebe ongaphezulu ogqumekileyo ze uvalele izichumisi zezityalo, kunye nomlebe omncinci ngezantsi.
Intaka ezaziwangokuba zi ‘sunbirds’ zitya incindi yentyatyambo, ixesha lokudubula kwale ntyatyambo iyimvovo lisehlotyeni nase kwindla. Ngaphandle kwegama eliqhelekileyo le mvovo, amagqabi awasetyenziswa endaweni yoqobo lwe ntsangu kodwa ayatshaywa ukuphilisa izigulo ezithile.

Indawo yokukhula

Imvovo ikhula kwindawo ezinengca nezinokutyeba komhlaba, kwaye apha eMzantsi Afrika zifumaneka kwi phondo lase Limpopo nakwi Kruger National Park.

Amagama ambalwa wokusetyenziswa ebaleni

Esi sityalo asaziwa sinalo umcedo njenge yeza, kwaye iintlanga ngentlanga zisi sebenzisa nokwahlukileyo, ukuphilisa ukulunywa nee ntlungu,nokunyanga ingqele nomkhulane. Kwesisityalo ukhona umyinge onceda isifo se swekile esaziwa njenge (type 2 dibetes), ukuxhuzula, iintlungu emazantsi esisu, nokuqhinwa.