Watsonia
iGotyibea

© Roger de la Harpe

Igama

iGotyibea [Watsonia transvaalensis]

Inkangeleko

iGotyibea inengcambu engqukuva, intshula kwezinye iingcambu ezizi ngqakumba nezigqunywe zintanjana ezimbalwa. Amagqabi wayo amane omelele amile okwe swedi. Elona lingezantsi lelona lide neli fikelela kwi 90cm ubude.
Isiqu singaba yi 1 m okanye ngaphezulu ubude. Iintyatyambo zibatsolo kwaye zibengathi zimhlophe, pinki okanye bomvu ngombala, ze ibe nomgca opinki ocacileyo osesiphakathini. Esi sityalo sidubula ukuqala kweyeDwarha ukuya kweyeNkanga.

Apho Ikhula Khona

Esi sityalo sifumaneka ngobuninzi kwiindawo ezinemozulu ekwaziyo ukumelana nayo. Iyachuma kakhulu kwiingingqi ezinengca kwi Phondo loMntla Koloni. Nakwiindawo ezinamanzi oneleyo.

Iintyatyambo

Esi sityalo sisenokuba yi 1m ubude, kunye neentyatyambo ezili 16. Ezi ntyatyambo ziyohluka ngokumila nangombala. Maxa wambi iiphethali ziba tsolo zibengathi zimhlotshana, upinki ongacacanga, old rose, salmon kunye na terracotta ngombala, ntyatyambo nganye ibanomgca opinki ocacileyo apha esiphakathini. Ixesha lokudubula kwezintyatyambo liqala kwinyanga ka Okthobha ukuya kweka Novemba.

Amanqaku Ongezelelweyo

Igotyibe sisityalo esikhula ngokukhawuleza, kwaye yomelele. Xa ibala elinesisityalo lidubula lonke ehlotyeni, ezi ntyatyambo zibangumbono othi ndijonge. Igama lesi sityalo lesiNgesi elithi Watsonia, lisusela ku Sir William Watson, umthandi webhotani wase Ngilani, we sentyuri 18.