uNelson Mandela no Ruth First

©Dr Peter Magubane
uNelson Mandela uncokola netshantliziyo uRuth First unkosikazi ka Joe Slovo, owayengu nobhala jikelele we qela lama Komanisi elaziwa njenge Communist Party of South Africa
Itshantliziyo noMbhali
uRuth First wayelitsha Ntliziyo elaziwayo elalichasene nobandlulo kwaye ekwanguye nombhali nelinye lama lungu athi aseka iSouth African Congress of Democrats (COD). Wayengu mhleli we Guardian, Fighting Talk, kunye ne New Age, ebhala ngentswela bulungisa karhulumente wocalucalulo. Ngexesha lo 1960, waye waphantsi kovalelo labucala iintsuku ezilikhulu, eline shumi nesixhenxe (117) waze waya elubhacweni eNgilane (England). Waye wabulawa nge bhombo eyayingathi yincwadi eMaputo, eMozambique. Wayetshate nelinye itsha Ntliziyo uJoe Slovo, kwaye benabantwana ababini.
uNelson Mandela wayengumhlobo no Ruth First, kwaye behlala bethetha ngezo politiko no mzabalazo. Baye batyholwa bobanini ngo 1955 ngokungcatsha bafunyaniswa bengena tyala ngo 1961. Lomfanekiso ubonakalisa uMadiba ethetha no First kwityala labo lokungcatsha umbuso.

“Nathi siseza kufa kodwa oko sizakuthi simanyane sithathe inkxaxheba kubuntu bamasiko ethu kuyakuphila unaphakade sele singekho thina.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more