Umandlalo we Nkukhu

© Chris Daly
Uninzi lwee nkukhu zikhuliswa kumandlalo owalekeneyo ophezu komgangatho. Xa uphethwe kakuhle, umandlalo unceda impilo yentaka kunye nempilo yazo, ngokufaka imiqamelo emgangathweni ukuzikhusela engqeleni. Ikwafunxa nobumanzi. Oku akuncedi intaka zihlale endaweni eyomileyo kodwa icutha nokuphathana ne tela nebinokwenza amanxeba, ukutsha kwesikhumba kunye noku jaduka. (Funda kabanzi ngo Lawulo lo Mgangatho Apha).

Eziphi izinto Ezinokusetyenziwa

©Chris Daly
Zininiz izinto ezifuna ukuqwalaselwa xa kukhetha izinto zokwenza
Ixabiso kubalulekile ukuqwalasela umba wexabiso, njengoko lingegalelo kwingeniso yeshishini lee nkukhu. Umgubo wamaplanga e payna kunye nomgubo wamaplanga zezona zikhuthazwayo. Kodwa ziyanqaba kwaye zixabisa kakhulu kwezinye iindawo. Amakhatshu erayisi angalunga nawo ukuba ayafumaneka ngexabiso elifikelelekayo.
Amafama, akufanelanga amfameke lixabiso lomandlalo, kuba ukonga okwenziwe ngokusebenzisa umandlalo ophucukileyo kungena ixabiso elithengwe ngalo lenze umahluko obonakalayo. Igalelo lexabiso lokuthutha nalo kufuneka lijongwe. Amafama amaninzi asebenzisa izinto esele zikhona kwifama zawo.
Iintaka zingenza itoni nge toni zomgquba, ngoko ke ukulahlwa kwawo umandlalo kufuneka kubalwe. Itela yee nkuku- Umxube womandlalo, umgquba kunye nee ntshiba- zenza isichumiso esityebileyo nesinonga umhlaba wokutyala igadi namadlelo. Ingasetyenzisa njengesichumiso, umandlalo kufuneka ukwazi ukucoleka emhlabeni. Ngamanye amazwi ubole msinya uxubane nomhlaba.
Nangona kungekho semthethweni ukuthengisa itela yenkukhu njengokutya, letela inexabiso eliphantsi, ayina protein nitrogen inceda izilwanyana ezifana nee nkomo, iibhokhwe kunye nee gusha. Le tela kufuneka iphathwe ngendlela ukukhusela ubungozi bezigulo kwizilwanyana okanye abantu. Kukwalula ukucoleka, ayina glasi, iintsimbi, ukungcola, okhakhayi abafileyo, iproteni yee mpuku okanye yezilwanyana.
Izilwanyana ezifumana oku kutya kufanele zigonywe ukuze zikhuseleke kwi botulism, isifo sentsholongwane esibulalayo nesibangela ukungakwazi ukuhamba kwizilwanyana ezichaphazelekileyo.
Xa kujongwa izinto ezibonakalayo zomandlalo kufuneka zi:
  • Khawuleze ukufunxa nokoma msinya. Itela emanzi ibangela izilonda emabeleni, ukutsha kweenyawo kunye nokhakhayi abangenanto. Ikwakhupha I ammonia egqithisileyo kwaye ikhuthaza kokukhula kwentsholongwane ezinobungozi. Icebo kukugcina ubumanzi be tela buphakathi kwe pesenti ezingama 21 ukuya kuma 25. Ukuba iyabumbana okwebhola, imanzi kakhulu. Ukuba ibumbana kancinic ilungile. Ukuba ayibumbani kwaphela, yome kakhulu.
  • Ilula kwaye kulula ukuyiphatha. Umandlalo kufuneka usoloko uguqulwa kwaye ulolongwe ngendlela yokukhusela ingaqini okanye ibemanzi kakhulu.
  • Ingabinobungozi, iglasi, intsimbi kunye nezinye izinto ezinganobungozi. Amanye amaplanga omeleleyo angabola kwaye oku kuyi ngozi kwintaka. Amakhoba amandongomane ngumandlalo ongaxabisi kakhulu kwinginqi ezivelisa amandongomane, kodwa asenokuba nezonakalisi ezinobungozi.
  • Ungafudumala kamnandi incede nasekukhuseleni amantshonthsi engqeleni. Isanti ayilocebo lihle kuba ingakwazi ukugcina ubushushu kwaye nentaka zingasikola ukuhamba-hamba kuye xa ifakwe yaninzi.
  • Umlinganiselo ophakathi. Ingangaphezulu kunama 30mm, ezifana nezikhwebu zombona ezicoliweyo kunye nomgubo wamaplanga ungalimaza iinyawo kunye nezifuba oku ke kubenefuthe elibi kwimizimba engekho mgangathweni. Umandlalo ongaphantsi kwe 2mm, ofana nomgubo wamaplanga okanye ingqolowa elolwe kakhulu okanye ingca eyomileyo, kwelinye icala, yenza kuqhume kwaye oku kunobungozi emplweni yentaka neyabantu.

Translated by Zizipho Silwana