Ulimo lwe Dragon Fruit eMzantsi Afrika

© Teknad

iDragon fruit sisiqhamo esikhulu kakhulu, esinamaqweqwe kunye nombaa obomvu esi siqhamo siphuma kumthi ohlabayo ofana nowe tolofiya lo mthi ukhula msinyane ngeyona ndlela. Olu lushishino olusakhasayo eMzantsi Afrika, iifama ze dragon fruit ezikweli lizwe zine thuba lokuvelisa ze zithumele izibalo ezi ninzi zezi ziqhamo kwii makethi ezikumazwe angentla okanye akwi Northern Hemisphere. 

Ushishino lwe dragon fruit eMzantsi Afrika lusekelwe kakhulu kwiindidi ezinamaxolo abomvu kunye nemiphakathi epinki, nezezona zixhaphakileyo nezithandwayo. Esi siqhamo se dragon fruit sikholwa yimozulu efudumeleyo neshushu. Sichuma kakhulu kwiingingqi apho kulinywa khona ii-avocado kunye namandongomane emacadamia. I-dragon fruit ivunwa phaa ngeenyanga zika Disemba-Januwari ukuya kweka Epreli-Meyi.

Translated by Zizipho Silwana

About Dragon Fruit

iDragon fruit sisiqhamo esikhula kwiindawo ezifudumeleyo nezigqatsa ilanga. Esi siqhamo sikusapho lwe cacti (Cactaceae). Sikwaziwa nanjenge ...more

iDragon Fruit – Imisebenzi kunye Nemivuzo

Iziqhamo ezikhulu ezinamaqweqwe zesityalo se dragon zixhaphake kakhuu kwilizwekazi lase Asia. Esi siqhamo sikuluhlu lwesihlanu esihamba pham...more

Ulimo lwe Dragon Fruit

Ulimo lwe Dragon fruit lwenziwa kwihlabathi lonke jikelele, apho khona imozulu ilungela ukulinywa kwe tropical cacti. Oku kuquka nelizwe loM...more

Imveliso ye Dragon Fruit

i-Dragon fruit, nekwabizwa nge pitaya, sisiqhamo esinwenwayo ukukhula nesikusapho lwe cactus. Esi sityalo sidubula iintyatyambo ebusuku. Sik...more