Ukuzaliswa kwe Hagu

©Glenneis Kriel
Sows should have a deep body with room for a big litter.
Ukhetho ngobuchule bentlobo zokuvelisa kunganceda ukonyusa umhlambi, umzekelo ukongezo amatshontsho, ukuphucula izinga lenyama nemveliso yayo kunye nokwenza ngcono ukudla kwezilwanyane. Iimazi nee nkunzi zehagu zikhethe ukuphucula umhlambi ubese mpilweni, zime kakuhle, kwisimo esisiso, kwaye zibekwiminyaka eyiyo.

Impilo

Izilwanyana ezi zalayo kufuneka zibese mpilweni. Lilonke jonga iimpawu zokukhathazeka, izigulo, nosuleleko lwee ncukuthu phambi kokuthenga okanye wongeze izilwanyana ezintsha kumhlambi wakho. Ihagu ese mpilweni, ngokwe South African Pork Producers Organisation’s incwadi ethi Pigs for Profit kufuneka ziphefumle kakuhle zinga khohleli, ukuthimla, ukufinya, zixhaphe amagwebu amathe. Kufuneka ufele lumenyezele, zingazonwayi ngokugqithisileyo okanye zibe namanxeba, izilonda, ukujika kombala, ukudumba nokukhula kwindawo ezithile.
Kungcono ukuthenga kubakhulisi nabazalisi abaziwayo, kodwa okokuba uzakuthenga kwi okshini qinisekisa okokuba uyayazi imvelaphi yalohagu kwaye ucele isetifikethi esisuka kugqirha wezilwanyane. Iinkunzi ekunikezwana ngazo ngama fama ohlukileyo zise mngciphekweni omkhulu wokusasaza izifo zocantsi ezihagwini kunye nezinye izifo, lilonke qinisekisa ezinkunzi zise mpilweni phambi kokuzisebenzisa kowakho umhlambi.
Iinkunzi okanye imazi ezisentsha kufuneka zibekelwe bucala kwezinye ithuba elingange veki ezine. Ngelixesha kufuneka zihlolwe okokuba azinazo izifo, zinyangelwe izinambuzane ezilumayo ukuthintela iincukuthu ezintsha zinga ngeni kumhlambi wakho, kwaye zigonywe ukuba kuyanyanzeleka.

Indlela umzimba emawume ngayo

©Media 5 Photography on behalf of PIC in South Africa
Boars should have two well developed testicles and have no defects or physical abnormalities.
Iihagu akufunekanga zibene ziphako, okanye okungaqhelekanga ngendlela ezimile ngayo. Ngokwe Pigs for profit iinkunzi nee mazi ezikhethelwe imveliso kufuneka zibene miqolo eyomeleleyo eme dzu, imilenze eyomeleleyo eme dzu nenyawo. Xa zine ngxaki ukushukuma, azikulungelanga ukuvelisa.
Iinkunzi kufuneka zibe namatapile amabini aqinileyo okanye asele ekhululile kwaye zikwazi ukuba nomdla xa zidibene nee mazi ngenjongo yokuvelisa. Iimazi kufuneka noko ibe nee ngono ezilishumi eziqeleleneyo, logama imazi noko esele iqinile ingaba nengono ezilishumi elinesine. Kufuneka zibe nomzimba omde onzulu ukuze amantshontsho amaninzi onele.

Ukuzaliselana

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA.
Cross-breeding may help to increase the feed efficiency and growth rate of piglets.
ukuzaliselana kwenzeka xa izilwanyana ezihlobeneyo, nje ngehagu ezizanayo okanye abazali nenzala, zithi zidibane ngocantsi. Ayandisi umgcipheko wezidalwa ukuba ziqhubeke nakwisizukulwana kuphela, kodwa ayilunganga nakwi mveliso.
Umbutho wokutya nezolimo we United Nations ( Food and Agriculture Organisation of the United Nations -FAO) icebisa okokuba iintlobo ezinga ngxengwanga zee mazi nabafazi abasetyenziselwa imveliso, kufuneka zibene sinyanya esinye kwizizukulwana ezine ukubuyela umva. Abavelisi kufuneka bagcine imvelaphi yee hagu kwifama zabo kwaye baqaphele bathenge okanye basebenzise iinkunzi ezinga zalaniyo kwabanazo kwii fama zabo.

Imeko yomzimba

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Sows should be in good condition to prevent reproduction problems.
Ukuba uyawabona amathambo ngaphantsi kwesikhumba, ithambo lesinqe, igxalaba, iimbambo okanye ithambo langemva, loo hagu ibhitye kakhulu. Ihagu etyebe kakhulu izakuba neengxaki ngoku velisa, ingabane ngxaki yemilenze nee nyawo.

Iminyaka

Iminyaka yezilwanyana kufuneka icingelwe, kuba oku kuzakuba negalelo kwi mveliso. iinkunzi zigcinwa de zibene minyaka emithathu. Logama iimazi zibulawa xa inani lamantshontsho linganikezi sizathu sokuba zigcinwe okanye xa ziqala ukuba neengxaki zokuzala, ezifana nokunga binamdla wesondo, ukunga mithi, ukuphulukana nesisu, okanye ukuzala amantshontsho afileyo ehagu okanye ukuzala ngaphambili kwexesha.

Translated by Zikhona Plaatjie

Ukukhetha Uhlobo lwe Hagu

Xa uqala ifama yeehagu, kufuneka ukhethe uhlobo oluzakulungela izakhono zakho. Ngokwencwadi ethi Pigs for Profit ebhalwe ngu Drs Jim Robinso...more

Iintlobo Ezahlukeneyo zeeHagu

Kuba kungekho ntlobo yehagu ingenasiphako, kwaye intlobo nganye ineziphako kunye nokuncomekayo ngayo. Ukukhethwa kwentlobo omawuyifuye sisig...more

Ezinye Iintlobo zeeHagu

Ihagu yohlobo lwe Kolbroek, luhlobo lwalapha eMzantsi Afrika. Luninz uqikelelo malunga nemvelaphi yalehagu, kunye nentsusa yegama layo. Bamb...more