Ukuxhela no Mthetho

© Eva Kroecher

Phambi kokuqala ukufuya imivundla yentengiso (engeyeyotiwa kuphela) kubalulekile ukuseka imakethi kuqala. Zikhona iziqu eMzantsi Afrika ezinokunceda kokungaphandle kokuba ungumfama obhaliswe kwishishini elikhulu elizakuthenga imvundla yakho efana ne Coniglio.
Zikhona iindawo ezibhalisiweyo eMzantsi Afrika kwaye uthi wakuqala ukufuyela ukuthengisa inyama unendawo yakho ezakuqinisekisa ukuba wenza izinto ngendlela kwaye iyaziwa ukuba inyama yakho ivelaphi. Uninzi lwendawo zokuxhela iikukhu zingasetyenziselwa ukuxhela imivundla, kodwa qiniseka ukuba unayo indawo phambi kokuba ufuye imivundla.
Amafama avumelekile ukuxhelela ekhaya kodwa qala ujonge imithetho yengingqi yakho ukuze wazi imigaqo eyongezelelekileyo njengoko uMzantsi Afrika unemithetho engqongqo mayelana nokuxhela imfuyo. Iphondo ngalinye nengingqi inemithetho yayo, ngoko ke kubalulekile ukuqiniseka ukuba uyayazi imigaqo yengingqi yakho.
iNSPCA kunye ne SABS zisayila umthetho ebizwa nge Best Farming Practice nephathelene nemivundla ukuqinisekisa ukuba yonke efuyiweyo imivundla ayixhaphazeki. Phatha imivundla yokuxhelwa ngenkathalo nangocoselelo ukuqinisekisa impilo elungileyo. Isilwanyana esoyikayo ngethuba lokuxhelwa siqinelwa zizihlunu nenyama ibalukhuni.

Xhela Kanjani

Nangona eyona ndlela ilungileyo ikukusebenzisa isixhelo sombane, esilungele imivundla asisoloko sikhona kwaye zivamise ukuxabisa kakhulu. Le ndlela ichazwe apha iqikelela ukuba lomntu uxhelayo usebenzisa isandla sasekunene kwaye uboya buzakugcinelwa I tanning. Le ndlela ingezantsi izakuqinisekisa ukuba intloko izakususwa emzimbeni isuswe ufele yodwa ukuze ityiwe okanye ilahlwe.
Beka umvundla etafileni intloko ijongise ngasekhohlo uze uqinisekise ukuba ilele paca kwaye ayigungqi. Beka isandla sasekunxele phezu kwamehlo nobuso, uze utshove ubhontsi nomnwe wokukhomba phakathi kwendlebe uze uzitshove sisuke endleleni yakho. Usebenzise isikhali esifutshane, esibuthuntu, esinzima ngesandla sakho sasekunene, betha kakhulu entloko emva kwendlebe, hayi entanyeni.
Ngalendlela, ubuchopho obuncinci buyalimala ife. Kwaye ukufa kwawo kuba ngoko nangoko. Emva kokubetha, umvundla uzokukhabalaza utsale umxhelo. Ukumelana noku kufanele ukhawuleze ubeke isikhali ubambe umvundle uwuqinise esinqeni ngesandla sasekunene. Uphakamise umva wawo etafileni, Ngaxeshanye faka isandla sasekhohlo entanyeni yomvundla.
Jongisa phantsi intloko ukuze igaz lihambe liyokuhlala entloko liphume ngempumlo. Maxa wambi igazi alizuphuma lonke. Ukuze liphume kuzakufuneka usike umqala.

Translated by Zizipho Silwana