Ukuqwalasela Impilo yee Hagu

©Glenneis Kriel
Under normal conditions, pigs will be playful, inquisitive and act as part of the group.
Undoqo ke ekulawuleni impilo yee hagu kuku chonga iingxaki ne zifo phambi kokuba zinga lawuleki. Ukwenza njalo, amafama kufuneka ohlule phakathi kwesimilo esiqhelekileyo nesinga qhelekanga neempawu zempilo. Nazi iimpawu ekufanele zijongwe:

Izidalwa Ezithanda Ukuba Phandle

©Glenneis Kriel
Pigs should be moving easily.
Iihagu zizilwanyana ezihlaka niphileyo. Phantsi kwee meko eziqhelekileyo, ziyathanda ukudladla, zithande ukuqonda, kwaye ziziphathe njenge ngxenye yeqela. Zibonakalisa umdla xa ubani engena apho zihlala khona, kwaye ziyayiva ingxolo, uyakuzibona ngokujonga kwelocala isuka ngakulo ingxolo. Xa zigula, ziye zirhoxe kwi qela, zityhafe ziqhwalele. Zingabekelwa bucala zezinye iihagu, oku futhi kungona iindlela ezilala ngayo.

Ukuhamba - Hamba

©Glenneis Kriel
The face should be clean with no discharges from the eyes.
Iihagu kufuneka zihamba-hambe ngoku khululekileyo, lula. Iihagu ezizi khethayo kwezinye, ezinge namdla, ubunzima bokuhamba, ubunzima ukuphakama, okanye iihagu zihlale zilele phantsi, zimpawu zokuba ukhona undonakele.

Amehlo, Iindlebe kunye ne Mpumlo

Ubuso kufuneka bucoceke amehlo angazichizi. Amehlo angacacanga, iindlebe ezingacacanga okanye indlebe ezijonge phantsi zingachaza okokuba ihagu ayiziva kakuhle. Imikhwinya kufuneka ibe bukukhanya, ungaxinani, kodwa ungabaleki okanye ubene gazi.

uFele

Ufele kufuneka lukhazimle, lukhangeleke lusempilweni. Iihagu ezinyama nemibala-bala zivame ukuba nenwele ezininzi, logama ezesimanjemanje iintlobo ezimhlophe zine nwele ezincinci eziplati. Inwele ezithe dzu, eziphashileyo, nezidibeneo, zonke zichaza okokuba ukhona undonakele.

isiKhumba

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
The skin and coat of the skin should look healthy.
isikhumba kufuneka sicoceke ngaphandle kwamanxeba, izigxala, amabala ajike umbala, izilonda okanye ukuqina. Ngokwe miqolo ebhalwe kwi Pig site ethi Recognising disease on the farm, ukujika umbala ubeluhlaza indawo ezithile kungadityaniswa nosuleleko, ne ‘acute bacterial septicaemia’ ubumdaka, (acute mastitis, metritis, acute pneumonia ) kunye nezinye izifo. Kwihagu ezimibala bala emhlophe, ubu bomvu besikhumba kungachaza isifo okanye usuleleko.

Izinga loku Phefumla

Ihagu esempilweni iphefumla lula, kwaye ngendlela. Indlela eqhelekileyo yokuphefumla kwehagu ixhomekeka kwiminyaka yayo: ihagu esandula kuzalwa esempilweni iphefumla amashumi amahlanu ukuya kumashumi amathandathu ngomzuzu, ekukhuleni phakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amane ngomzuzu, ze ihagu ezindala ziphefumle ishumi elinesithathu ukuyokuma kwishumi elinesibhozo ngomzuzu.

Ukubetha Kwentliziyo

Ukubetha kwentliziyo okuqhelekileyo kwihagu esele indala ngamashumi amathandathu anesihlanu ukuya kumashumi asibhozo ngomzuzu, kodwa ngaphantsi kwe khulu elinamashumi asibhozo (180) ngomzuzu kwezi sandula kuzalwa.

Ubushushu Bomzimba

Ubushushu bomzimba obuqhelekileyo behagu buphakathi ko 38,5 no 39 degrees celcius. Ihagu enobushushu obungapha ko 41 degrees celcius okanye ngaphantsi ko 37 igula kakhulu. Kwaye qaphela okokuba ikhona ingxaki xa ihagu ingcangcazela.

Umdla Wokutya

©Glenneis Kriel
Something is wrong if a pig loses its appetite.
Qaphela okokuba ikhona ingxaki xa ihagu iphelelwe ngumdla wokutya.

Ukuchama

©Glenneis Kriel
Dung should be firm with a cow pad consistency.
Umchamo kufuneka ubengumbala otyheli kodwa ongagqamanga, oku ngathi ngamanzi anombala. Umbala otyheli ongqindilili, ukuchiza, okanye umchamo onegazi awuqhelekanga. Ihagu engasachamiyo ingafa kukugula.
Ubulongwe kufuneka buqine oku kobulongwe benkomo. Ukuqhinwa, umfinya omanzi okanye uhambiso olune gazi aziqhelekanga.

Ukuphuma Kobisi

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA
Piglets nursing under heating lamp: Sows should produce enough milk for each piglet.
Kufuneka ubisi lwanele onke amantshontsho ehagu, ngamanye amazwi, hagwana nganye kufuneka ibe ngqukuva kwaye yonwabe. Ikhona ingxaki xa umdlezana amabele eqinile edumbile, nokuba akavelisi bisi laneleyo okanye kufa amantshotsho.

Ivumba

Sebenzisa iimpumlo zakho unukise ukuze uqaphele iingxaki, ezifana nokunga ngeni kakuhle umoya, umsuzo ophezulu, okanye amazinga aphantsi nokuba aphezulu wokufuma. Ukutya okudala okanye izilwanyane ezifileyo. Oko kungathandekiyo eluntwini kwimeko zokuhlala, kananjalo ke nakwii hagu.

Translated by Zikhona Plaatjie